YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 15

15
1Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi. 2Masithi sonke ngabanye simkholise ummelwane kokumlungeleyo, ukuze akheke. 3Kuba naye uKristu akazikholisanga; wathi, njengokuba kubhaliwe, Iingcikivo zabakungcikiváyo záwa phezu kwam. 4Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba. 5Wanga ke uThixo wonyamezelo novuselelo anganinika ukucinga nto-nye phakathi kwenu, ngokukaKristu Yesu; 6ukuze nithi, nimxhelo mnye, nimzukise ngamlomo mnye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu. 7Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo.
8Ke kaloku ndithi, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqiniseke amadinga akhe koobawo; 9zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga,
Ndilibethele uhadi igama lakho.
(INdum. 18:49)
10Kananjalo athi,
Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe.
(IDut. 32:43)
11Kananjalo,
Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga,
Niyibonge, nonke nina bantu.
(INdum. 117:1)
12Kananjalo uIsaya uthi,
Liya kubakho iHlumelo likaYese;
Úya kuvela oya kulawula iintlanga;
Ziya kuthembela kuye iintlanga.
(UIsaya 11:1,10)
13Wanga ke uThixo wethemba elo anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ekukholweni, ukuze niphuphume ithemba ngamandla oMoya oyiNgcwele.
Ungxengxezo lukaPawulos ngokubhala angafihlisi
14Ke kaloku, bazalwana bam, ndeyisekile nam ngokwam, mayelana nani, kukuba nani ngokwenu nizele nazaliswa kukulunga, nizele kuko konke ukwazi, nínako nokululekana. 15Kodwa ke ndibhalile kuni ngobuganga obukhulu kwezinye iindawo, bazalwana, ngokophindayo ukunikhumbuza ngenxa yobabalo awandibabala ngalo uThixo, 16ukuze ndibe ngobúsela iintlanga kuYesu Kristu, osebenza ububingeleli ngazo iindaba ezilungileyo zikaThixo, ukuze ukusondezwa kweentlanga kwamkeleke kakuhle, kúngcwalisiwe ngoMoya oyiNgcwele. 17Ngoko ndiyazingca, ndíkuKristu Yesu, ngezinto ezilunge kuThixo.
18Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi, 19ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu. 20Ndenjénjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye; 21kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa,
Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona;
Nabo bangevanga nto, baya kuqonda.
(UIsaya 52:15)
Iinjongo zikaPawulos ngehambo yakhe
22Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni. 23Ngoku ke ndíngasenandawo nje kule mimandla, ndíneminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni, 24xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo.
25Kalokunje ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele. 26Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile. 27Ndithi kwakholeka kubo, kuba kakade banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama.
28Ngoko, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani. 29Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu.
30Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo, 31ukuze ndihlangulwe kwabaziingqola kwelakwaYuda, nokuze ulungiselelo lwam olusinga eYerusalem lube nokwamkeleka kakuhle kubo abangcwele, ukuze ndize kuni ndinovuyo, 32ngokuthanda kukaThixo, siphumzane. 33UThixo ke woxolo makabe nani nonke. Amen.

Currently Selected:

KWABASEROMA 15: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy