YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 14

14
Ukunyamezela abo bathandabuzayo
1Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango. 2Omnye okunene uyakholwa ukuba angàzidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno yodwa. 3Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele. 4Ùngubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso. Síya kuma ke; kuba uThixo unako ukusimisa.
5Omnye okunene ubeka umhla othile kunomnye umhla, wumbi ke ubeka imihla yonke. Elowo nalowo makaqiniseke kweyakhe ingqiqo. 6Lowo uwunyamekelayo umhla, uwunyamekelela iNkosi; nalowo ungawunyamekeliyo umhla, engawunyamekeli nje, wenzela iNkosi; lowo udlayo, udlela iNkosi, kuba ebulela kuThixo; nalowo ungadliyo, engadli nje, wenzela iNkosi, abe ebulela kuThixo.
7Kuba akukho namnye kuthi uzidlelayo ubomi, akukho namnye uzifelayo. 8Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi. 9Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo.
10Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? Kuba thina siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu. 11Kuba kubhaliwe kwathiwa,
Ndihleli nje mna, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
Zidumise uThixo zonke iilwimi.
(UIsaya 45:23)
12Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.
13Masingabi sagwebana ngoko; kanye yithini ukugweba, makungabekwa siwiso, nasikhubekiso, phambi komzalwana. 14Ndiyazi, ndeyisekile, ndiseNkosini uYesu nje, ukuba akukho nto iyinqambi ngokwayo; kodwa ke kuye obalela into ekuthini iyinqambi, kulowo iyinqambi.
15Ukuba ke umzalwana wakho wenziwa buhlungu ngenxa yokusuka udle, akusahambi ngokothando. Musa ukumtshabalalisa ngokudla kwakho, yena lowo uKristu wamfelayo. 16Ngoko okulungileyo kwenu makunganyeliswa. 17Kuba ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa noxolo novuyo kuMoya oyiNgcwele. 18Kuba omkhonzayo uKristu kwezo zinto, ukholekile kakuhle kuye uThixo; ucikidekile nakubo abantu.
19Ngoko ke masisukele izinto zoxolo, nezinto zokwakhana. 20Musa ukuthi, ngenxa yokudla, uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene, konke kuhlambulukile; kodwa ke kubi kuloo mntu uthi ngokudla akhubekise. 21Kuhle ukuba ungadli nyama, ungaseli wayini, ungenzi nto angabetheka kuyo umzalwana wakho, akhubeke kuyo, aswele amandla okuzigcina. 22Wena unokholo na? Hlala nalo emehlweni kaThixo. Únoyolo lowo ungazigwebiyo kuloo nto ayicikidileyo. 23Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni; konke ke okungekokwaselukholweni kusisono.

Currently Selected:

KWABASEROMA 14: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy