YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 27

27
1Kuthe ke kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale. 2Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.
Ukuzibulala kukaYuda
(IZenzo 1:16-19)
3Waza uYuda, lowo wamngcatshayo, ebone ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela kwakubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, esithi, 4Ndonile, kuba ndingcatshé igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto? 5Zibonele wena. Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma.
6Ke kaloku ababingeleli abakhulu bawathabatha loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuwagalela emkhombeni weminikelo, ngokokuba elinani legazi. 7Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini. 8Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje. 9Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, ábammisela inani aboonyana bakaSirayeli, bawarholela umhlaba wombumbi, 10njengoko yandiyalelayo iNkosi.
UYesu phambi koPilato
(UMarko 15:1-20; uLuka 23:1-25; uYoh. 18:28 – 19:16)
11Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Únguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuyo, Nawe utsho. 12Ke kaloku ekumangalelweni kwakhe ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendulanga nto. 13Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe? 14Akaphendula zwi, noko lilinye, yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo.
15Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukuzikhululela izihlwele umbanjwa abe mnye, lowo babesithi bamfune. 16Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas. 17Bakubon' ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na, uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu,• kusini na? 18Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona.
19Akubon' ukuba uhleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndivé izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.
20Kodwa ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ekuthini zicele uBharabhas, zimtshabalalise uYesu. 21Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena? 22Bathe ke bona, NguBharabhas. Athi uPilato kubo, Ndímenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni. 23Yathi ke irhuluneli, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Makabethelelwe emnqamlezweni.
24Uthe ke uPilato, akubona ukuba akancedi lutho, ebona ukuba sisuke sangakumbi isiphithiphithi, wathabatha amanzi, wahlamba izandla phambi kwezihlwele, esithi, Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina. 25Baphendula bonke abantu bathi, Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu. 26Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
27Aza amasoldati erhuluneli amthabatha uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, alihlanganisela phezu kwakhe ibutho lawo liphela. 28Amhluba, amnxiba ingubo ebomvu. 29Aluka isithsaba ngameva, amthi jize ngaso entloko; abeka nengcongolo esandleni sakhe sokunene, awa ngamadolo phambi kwakhe, adlala ngaye, esithi, Aa! Kumkani wamaYuda! 30Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko. 31Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.
Ukubethelelwa emnqamlezweni
(UMarko 15:21-41; uLuka 23:26-49; uYoh. 19:17-37)
32Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe. 33Athi akufika ndaweni kuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi, 34amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela.
35Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso; ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.
(INdum. 22:18)
36Ahlala phantsi, amlinda khona apho. 37Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, LO NGUYESU UKUMKANI WAMAYUDA.
38Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo. 39Bamnyelisa ke bona abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo, 40besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni. 41Ngokukwanjalo ke nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye, benabo ababhali namadoda amakhulu, bathi, 42Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba únguKumkani kaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni; 43sokholwa nguye; ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo. 44Zaye ke nezihange, ezibe zibethelelwe eminqamlezweni naye, zimngcikiva kwangokunjalo.
45Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba.
46Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na? 47Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya. 48Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza. 49Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.
50Uthe ke uYesu, ephinde wadanduluka ngezwi elikhulu, wawukhupha umoya wakhe. 51Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka, 52namangcwaba avuleka, zathi izidumbu ezininzi zabangcwele ababelele zavuka; 53baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi. 54Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo.
55Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babemlandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela; 56ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi.
Umngcwabo kaYesu
(UMarko 15:42-47; uLuka 23:50-56; uYoh. 19:38-42)
57Kwathi ke kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye. 58Yena lowo waya kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikelwe umzimba. 59Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe. 60Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka. 61Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.
62Ke kaloku ngengomso, eliyimini esemva kwaleyo yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato, 63besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka. 64Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambé, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala. 65Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako. 66Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.

Currently Selected:

UMATEYU 27: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy