YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 26

26
Iinkokeli zamaYuda ziyabhungisana
(UMarko 14:1,2; uLuka 22:1,2; uYoh. 11:47-57)
1Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe, 2Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika,• aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
3Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa; 4babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale. 5Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.
Isidlo saseBhetani
(UMarko 14:3-9; uYoh. 12:1-8)
6Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, 7kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile,• linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni. 8Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? 9Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu.
10Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle. 11Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam. 12Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam. 13Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
Umvuzo womngcatshi
(UMarko 14:10,11; uLuka 22:3-6)
14Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu, 15wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu. 16Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo.
Ipasika yokugqibela nesidlo seNkosi
(UMarko 14:12-26; uLuka 22:7-23; kwabaseKor. I 11:23-29)
17Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika? 18Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam. 19Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika.
20Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini. 21Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, Omnye kuni aba uya kundingcatsha. 22Baza, bebuhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim yini na, Nkosi? 23Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha. 24UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye. Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu. 25Waphendula ke uYuda, lowo wamngcatshayo, wathi, Ingaba ndim yini na, Rabhi?• Athi yena kuye, Uselutshilo nawe.
26Bakubon' ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. 27Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; 28kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono. 29Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo.
30Bakuba bevume ingoma yokudumisa, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
UPetros uyalunyukiswa
(UMarko 14:27-31; uLuka 22:31-34; uYoh. 13:36-38)
31Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa,
Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi.
(UZek. 13:7)
32Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili. 33Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna. 34Wathi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkulu, ùya kundikhanyela kathathu. 35Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi.
UYesu eGetsemane
(UMarko 14:32-42; uLuka 22:39-46; uYoh. 18:1)
36Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane; athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya. 37Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. 38Aze athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde nam.
39Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho. 40Úyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye? 41Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
42Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho. 43Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo. 44Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi. 45Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni. 46Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo.
UYesu uyabanjwa
(UMarko 14:43-50; uLuka 22:47-53; uYoh. 18:2-11)
47Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu. 48Ke kaloku, wayethe lowo umnikelayo wabanika umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye lowo; mbambeni. 49Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Aa, Rabhi!• 50Wamanga nokumanga. Wathi ke uYesu kuye, Wethu! Ukho ngani na?
Bandula ukuza, bamsa izandla uYesu, bambamba. 51Wesuka omnye wabo babenoYesu, wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe. 52Aze athi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele. 53Ùba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini? 54Bezingáthini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?
55Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba. 56Oku ke konke kwenzeké, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka.
UYesu phambi kombingeleli omkhulu
(UMarko 14:53-65; uLuka 22:63-71; uYoh. 18:12-27)
57Abo ke bambambáyo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu. 58Ke kaloku uPetros wayemlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo.
59Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga; 60nangona afikáyo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini, athi, Lo wathi, 61Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu. 62Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? Bangqina ntoni na aba ngawe? 63Wahlala yena uYesu wathi tu.
Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu,• unyana kaThixo. 64Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.
65Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Únyelisile; sisawafunelani na amangqina? Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina? 66Baphendula ke bona bathi, Únetyala lokuba afe. 67Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye bammonxoza, besithi, 68Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?
UPetros ukhanyela uYesu
(UMarko 14:66-72; uLuka 22:54-62; uYoh. 18:15-18,25-27)
69Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili. 70Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo. 71Kuthe ke, ephume waya esangweni, sambona esinye; sithi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete. 72Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu. 73Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza. 74Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yasuka yalila kwaoko inkuku. 75Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Ephume phandle, walila ngokukrakra.

Currently Selected:

UMATEYU 26: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy