YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 17

17
1Isono sikaYuda sibhalwe ngenkxola yesinyithi, sakrolwa ngetsolo ledayiman• elucwecweni lwentliziyo yabo, nasezimpondweni zezibingelelo zenu. 2Njengokubakhumbula kwabo oonyana babo, bayazikhumbula izibingelelo zabo, nooAshera• babo ngasemithini eluhlaza, ezindulini ezinde. 3Ntaba yam esezweni, ubutyebi bakho nobuncwane bakho bonke ndibunikela ekuphangweni, nezigánga zakho ngenxa yezono emideni yakho yonke. 4Ùya kuliyeka ngokwakho ilifa lakho endakunikayo, ndikukhònzise kwiintshaba zakho elizweni ongalaziyo; ngokuba niwuphembile umlilo ngomsindo wam, uvutha usa ephakadeni.
5Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova; 6ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi. 7Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova; 8kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.
9Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi? 10Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndiyazicikida izintso, ukuze ndinike ulowo nalowo ngokwendlela yakhe, ngokwesiqhamo seentlondi zakhe. 11Njengesikhwatsha esifukamela amaqanda esingawazalanga, unjalo ozuza ubutyebi ngokungesesikweni; uya kubushiya phakathi kwemihla yakhe, abe sisidenge ekupheleni kwakhe.
12Wena trone yobuqaqawuli, mongamo kwasekuqaleni, ndawo yengcwele yethu; 13themba likaSirayeli, Yehova, bonke abakushiyayo baya kudana. Abatyekayo kum baya kubhalelwa emhlabeni, ngokuba belishiyile ithende lamanzi aphilileyo, uYehova.
14Ndíphilise, Yehova, ndiphile; ndísindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe. 15Yabona, bathi, Liphi na ilizwi likaYehova? malize kalokunje. 16Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho. 17Musa ukundiqhiphula umbilini; ùlihlathi lam ngomhla wobubi. 18Mabadane abandisukelayo, mandingadani mna; mabaqhiphuke umbilini bona, mandingaqhiphuki umbilini mna; bàzisele imini yobubi, ubaphule ngolwaphulo olubini.
Ukugcinwa kwesabatha
19UYehova watsho kum ukuthi, Hamba uye kuma esangweni loonyana babantu, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, abaphuma ngalo, nasemasangweni onke aseYerusalem; 20uthi kubo, Liveni ilizwi likaYehova, nina kumkani bakwaYuda, nani maYuda nonke, nani bemi bonke baseYerusalem, bangenayo ngala masango. 21Utsho uYehova ukuthi, Zigcineni ngenxa yemiphefumlo yenu, ningà thwali mthwalo ngomhla wesabatha, niwungenise ngamasango aseYerusalem; 22ningaphumi nomthwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabatha, ningenzi nalinye ishishini. Wungcwaliseni umhla wesabatha, njengoko ndabawiselayo umthetho ooyihla. 23Ke abevanga, abazithobanga iindlebe zabo, bayenza lukhuni intamo yabo, ukuze bangevi, ukuze bangavumi ntethiso.
24Kothi ke, ukuba nithe nandiphulaphula, utsho uYehova, ànangenisa mthwalo ngamasango alo mzi ngomhla wesabatha, nawungcwalisa umhla wesabatha, ànenza nalinye ishishini ngawo: 25kothi ke kungene ngamasango alo mzi ookumkani nabathetheli, abahleli etroneni kaDavide, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, bona, nabathetheli babo, amadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem; lo mzi umìwe ngonaphakade, 26Baya kuvela emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem, nasezweni lakwaBhenjamin, nasesithabazini, nakwelithe thabalala, nakwelisezantsi, bezisa amadini anyukayo, nemibingelelo, neminikelo yokudla, nentlaka emhlophe; bangenise umbulelo endlwini kaYehova.
27Ke ukuba anithanga nindiphulaphule, ukuba niwungcwalise umhla wesabatha, ningathwali mthwalo, ningangeni ngamasango aseYerusalem ngomhla wesabatha: ndofaka isikhuni emasangweni ayo, udle iingxande ezinde zaseYerusalem, ungàcinywa.

Currently Selected:

UYEREMIYA 17: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy