YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 16

16
Iinkathazo ezizayo zisisohlwayo sesono
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Uze ungazeki mfazi, ungabi nanyana nazintombi kule ndawo. 3Ngokuba uYehova utsho ngoonyana neentombi ezizalelwa kule ndawo, nangoonina ababazalayo, nangooyise ababazalayo kweli lizwe, ukuthi, 4Baya kufa zizifo ezibulalayo, bangàmbanjazelelwa, bangàngcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba; baya kuphela likrele nayindlala, nezidumbu zabo zibe kukudla kweentaka zezulu nokwezilo zomhlaba.
5Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Musa ukungena endlwini yesijwili, ungayi kumbambazela, ungabakhuzi; ngokuba ndilususile kwaba bantu uxolo lwam, inceba nemfesane yam; utsho uYehova. 6Kuya kufa abakhulu kwanabancinane kweli lizwe, bangàngcwatywa, kungàmbanjazelwa ngenxa yabo, kungàcentwa, kungàchetywa ntloko ngenxa yabo; 7bangàqhekezelwa sonka esijwilini sabo, ukuba bathuthuzelwe ngenxa yofileyo; bangàsezwa ngendebe yentuthuzelo ngenxa yooyise nangenxa yoonina. 8Uze ungangeni endlwini yesidlo, ukuba uhlale nabo, udle, usele. 9Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuliphezisa kule ndawo, phambi kwamehlo enu nangemihla yenu, izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi.
10Ke kaloku kothi, xa uthe wabaxelela aba bantu la mazwi onke, baza bathi kuwe, Kungenxa yani na ukuba uYehova abuthethe ngathi bonke obu bubi bukhulu kangaka, buyini na ubugwenxa bethu, siyini na isono sethu, esoné ngaso kuYehova uThixo wethu? 11wothi kubo, Kungenxa yokuba ooyihlo bendishiyile, utsho uYehova; balandela thixo bambi, babakhonza, baqubuda kubo; mna bandishiya, umyalelo wam àbawugcina; 12nasuka ke nina nenza okubi ngaphezu kooyihlo; nanko, nilandela elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi, ningandiphulaphuli. 13Ndiya kunijulela ngaphandle kweli lizwe, niye ezweni eningalazanga, nina nooyihlo, nikhonzele khona apho thixo bambi imini nobusuku; ngokuba ndingayi kuba natarhu kuni.
14Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, ekungayi kuba sathiwa, Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa; ekuya kuthiwa, 15Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni lasentla, nasemazweni onke ebebagxothele kuwo; ndobabuyisela kowabo umhlaba endawunika ooyise. 16Yabonani, ndithumela ababambisi beentlanzi abaninzi, beze bababambise, utsho uYehova; emveni koko ndithumèle abazingeli abaninzi, beze babazingele, baphume nabo ezintabeni zonke, nasezindulini zonke, nasezimfanteni zeengxondorha.
17Ngokuba amehlo am akuzo zonke iindlela zabo, àzisithele kum; àbufihlakèle ubugwenxa babo phambi kwamehlo am. 18Kuqala, ndobuvuza kabini ubugwenxa babo nesono sabo ngenxa yokulihlambela kwabo ilizwe lam ngezidumbu zezinto zabo ezinezothe, belizalisa ilifa lam ngamasikizi abo.
19Yehova, mandla am, nqaba yam, ndawo yokusabela kwam ngomhla wembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zithi, Oobawo bádla ilifa lobuxoki bodwa, amampunge la, ekungekho nto inokunceda phakathi kwawo.
20Umntu uya kuzenzela oothixo yini na, bengengabo oothixo?
21Ngako oko, yabona, ndiyabazísa ngesi sihlandlo, ndibazíse isandla sam nobugorha bam, bazi ukuba igama lam linguYehova.

Currently Selected:

UYEREMIYA 16: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy