Logo YouVersion
Ikona vyhledávání

IGENESIS 3

3
Ukuhendwa nokuwa komntu
1Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi, Útshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo? 2Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla; 3ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife. 4Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa: 5kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.
6Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla. 7Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba zé; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.
8Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo. 9UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Ùphi na? 10Wathi yena, Ndivé isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba zé; ndazimela. 11Wathi, Ùxelelwe ngubani na, ukuba uhamba zé? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo? 12Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke. 13Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.
14Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, ùqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho ziné, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho. 15Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende. 16Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona. 17KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, úqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; ùya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho. 18Úya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, ùdle umfuno wasendle. 19Ùya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba ùluthuli, ùya kubuyela kwaseluthulini.
20UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva,• ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke. 21UYehova uThixo wabenzela iingubo zezìntsu uAdam nomkakhe, wabambathisa.
22Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade: 23uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo. 24Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi,• nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.

Právě zvoleno:

IGENESIS 3: XHO75

Zvýraznění

Sdílet

Kopírovat

None

Chceš mít své zvýrazněné verše uložené na všech zařízeních? Zaregistruj se nebo se přihlas

YouVersion používá soubory cookie adaptované na vaše potřeby. Používáním našich webových stránek souhlasíte s používáním souborů cookie, jak je popsáno v našich Zásadách ochrany osobních údajů