IINDUMISO 24

24
INgangalala yoKumkani
Umhobe kaDavide.
1*LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;
ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo.
2Walisekela phezu kweelwandle;
walithi zinzi phezu kwayo imilambo.
3Ngubani onganyukayo aye entabeni kaNdikhoyo;
ingubani oya kuthi gcobho endlwini yakhe?
4Ngulow' uzandla zimsulwa, untliziyo inyulu,
lowo ungazinquliyo izintw' ezingento,
low' ungafungiyo exoka.
5Uya kumthamsanqela uNdikhoyo,
kuye kube chosi, kube hele,
kuba nguThixo umkhululi wakhe.
6Sinjalo ke isizukulwana sabo bamfunayo,
abo bafuna ukubona uThixo kaYakobi.
7Vulekani, masango;
vulekani, minyango yakudala,
angene uKumkani iNgangalala!
8Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo igorha elinamandla onke;
nguNdikhoyo onamandla onk' edabini!
9Vulekani, masango; vulekani, minyango yakudala,
angene uKumkani iNgangalala!
10Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.

S'ha seleccionat:

IINDUMISO 24: XHO96

Subratllat

Comparteix

Compara

Copia

None

Vols que els teus subratllats es desin a tots els teus dispositius? Registra't o inicia sessió