uRuteIsampulu

URute ufungele ukunyaniseka kuNawomi ongumhlolokazi nongenabantwana. Ngeendlela ezithile, le nto ithetha ukuthi uRute makabe njengonyana okanye umyeni. Uzithathele uxanduva lokuhoya uninazala, kwaye kungoku nje bobabini babulawa yindlala.Ngoko ke uRute, ngenxa yokuba eyazi imbali yeli khaya lakhe litsha, uxhamla umthetho okwiTestamente eNdala evumela abahluphekileyo ukuba baqokelele amasalela asemasimini ngexesha lokuvuna. Ngebhaqo, uRute ugqibela esentsimini yendoda enguBhowazi.
UBhowazi uva ngemeko kaRute nokokuba kudala esebenza nzima ukusukela ukuphuma kwelanga. Ukweva nokokuba akanelanga kuvuna kumasalela nje (nto leyo ethethwa ngumthetho ngokucacileyo), kodwa ukwavune naphakathi kweengqumba zeenkozo eziqokelelwe ngabasebenzi bakhe. Le nto ingaphaya kwento efunwa ngumthetho, kodwa ukuthembeka kukaRute kuNawomi nobunganga bakhe bokucela ukuphathwa ngendlela eyodwa kunyanzela uBhowazi ukuba aphendule ngobona bubele bukhulu. Ummemela esidlweni sasemini kwaye uyalela izicaka zakhe ukuba zimvumele uRute athathe nantoni na ayifunayo. URute ugqiba umsebenzi wakhe wosuku enokutya okungaphantse kulingane inyanga.
UNawomi ububele bukaBhowazi buyamothusa kwaye uqaphela into yokuba eneneni uBhowazi uzalana nomyeni wakhe ongasekho “ongumhlanguli.” KwaSirayeli eli ligama lobugcisa. “Umhlanguli” wosapho ngokwasekuhlaleni nangokwasemthethweni unoxanduva lokuhoya izizalwane ezihluphekileyo nezisengozini yokulahlekelwa ngumhlaba okanye lilifa lazo, ngokukodwa xa bebhujelwe ngabayeni babo.
Iimfuno zangoku zikaNawomi noRute azanelanga kufezekiswa nje yindoda enobubele, uBhowazi ukwalisoka. KuBhowazi kukho ithemba lokuba into abalahlekelwe yiyo uNawomi noRute kubayeni babo noonyana babo iza kubuyekezwa.
Izinto zikaNawomi noRute ziqala ukujika xa uRute eqina, enobunganga kwaye esebenza nzima. UBhowazi uthi uRute “libhinqa elilulutho” ngenxa yendlela alandela ngayo imithetho kaThixo nahoya ngayo uNawomi.
Ngokwesithethe, incwadi kaRute yabekwa emva kweZafobe 31, ichaza ibhinqa elinobulumko “nelililutho.” Okokubekwa kuloo ndawo kusimema ukuba uRute simbone njengobulumko obusenyameni. Njengebhinqa elikwiZafobe 31, uvuka ngentseni kwaye asebenze nzima.Ubonelela abasweleyo kwaye woyika iNkosi.
Xa uRute elumkile kwaye ethembekile, umhlanguli ubonelela ngobubele. Lowo ikwangumyalezo weNcwadi yeZafobe. Xa uThixo simoyika kwaye siphila ngendlela enobulumko, iNkosi iya kusivuza kwaye isisindise.
KwanjengoRute, uYesu ukwabubulumko enyameni. Njengoko ubulumko bukaRute babonakala kakuhle kwidini lakhe lentembeko kuNawomi, uMpostile uPawulos usixelela ukuba ubulumko bukaYesu bubonakala ngokucace kakhulu kwidini lokufa kwakhe. UYesu ngobulumko waya emnqamlezweni ngenxa yethu, oku kukaRute owaya emasimini ukunceda uNawomi.
Njengoko uBhowazi wabonakalisa uRute ububele ngokungaphaya kommiselo womthetho, uYesu naye usibonakalisa ububele obungaphaya komthetho. Umthetho uthi uRute wavunyelwa ukuthatha amasalela emaphethelweni entsimi, hayi umgidi embindini wayo. Kananjalo, umthetho uthi aboni abafana nathi bafanelwe sisohlwayo nakukufa, hayi umgidi etafileni kaThixo.
Kanti ke uYesu usipha ngaphezu kokuba umthetho uthi sifanelwe kuko. Into esimele ukuyenza ukuze samkele olo hlobo lobubele kukubucela ngobulumko, njengoko uRute wenjenjalo.
Akwaba uMoya oyiNgcwele angawavula amehlo akho umbone uThixo obonelelayo. Akwaba uYesu ungambona njengomntu osenza usapho lwakhe ngentembeko, ngobulumko nangokuzenza idini.
Malunga nesi Sicwangciso

Esi sicwangciso sezifundo seentsuku ezi4 yincwadi yenkcazo yencwadi kaRute, esibonisa ukuthembeka kukaThixo, ulwazelelo, ukuhlangulwa novelwano. Ukuba uziva ngathi akungeni ndawo, okanye ngathi ungaphandle ujonge ngaphakathi, ibali likaRute liza kukukhuthaza kwaye likuphembelele, likukhumbuze ukuba uYesu, oyena Mhlanguli wethu, isisa sakhe usiphokozela kwabo bazithobileyo.
More
Sithanda ukubulela Spoken Gospel ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: http://www.spokengospel.com/









