uRuteIsampulu

URute usenza sithembe ukuba kubakho ukumkani oza kuzisa ukwaneliseka kungelilo ihamte.
Phambi kokuba ibali likaRute liqale sixelelwa ukuba uSirayeli ukwixesha labagwebi. Mhlawumbi lelona xesha limnyama kumaxesha kaSirayeli, elineempawu zokukhohlakalela amabhinqa nokungabikho okunzulu kobunkokeli bobuthixo. URute noNawomi, abalinganiswa abaphambili, babalasela njengamabhinqa athembekileyokwixesha lamadoda angathembekalanga. Kodwa njengaye wonke uSirayeli, ubomi babo buzele intlekele nokufa. USirayeli uphakathi kwendlala. Umyeni kaNawomi noonyana bakhe ababini bafile.UNawomi akasahlali nokuhlala kwaSirayeli, uvaleleke kwaMowabhi, utshaba oludala lwesizwe sakwaSirayeli. Abahlobo bakhe nguRute no-Orpa kuphela, amadlolo abahlolokazi boonyana bakhe.
Imeko kaNawomi ayibonakali ngathi inika ithemba. Kule nkcubeko, elona themba laba bahlolokazi bathathu kukuba nonyana okanye ukutshata isityebi. Akukho nto ibonakala ngathi iyakhetheka kwezi zinto zimbini kula makhehlekazi asemzini nangamadlolo.
UNawomi uqaphela into yokuba elona themba lakhe kukumka kwaMowabhi abuyele kwelakowabo kwidolophu yaseBhetelehem. UNawomi akamkhuthazi uRute no-Orpa ukuba bazibandakanye naye. Njengamabhinqa akwaMowabhi phantse bube buqinisekile ubomi babambalwa abangathandwayo kwaSirayeli. Ngoko ke uOrpa ubuyela kowabo, kodwa uRute ubonisa ukuthembeka kuNawomi. Endaweni yokumka, uRute ubhengeza ukuba uThixo kaNawomi ikwanguThixo wakhe, kwaye nabantu bakaNawomi ngabantu bakhe. Angaske afe kunokushiya uNawomi.
Ngoko ke bahlala kunye. UNawomi noRute, bengazali belambile, bageleleka eBhetelehem. Kodwa njengecebiso malunga nento uThixo aza kubenzela yona noSirayeli kungekudala, ukuvunwa kwerhasi kwakusandulukuqalwa (uRute 1:22). Kungekudala ubuze babo buza kuphela, kwaye kuza kuzalwa ukumkani.
Phambili phaya kwimbali kaSirayeli, oomama abangabaseki bakaSirayeli---uSara, uRebheka noRakeli—bonke babengafumani bantwana. Kodwa uThixo ngokumangalisayo wazivula izibeleko zabo waza wabonelela ngenkokeli entsha yabantu bakhe. Silindele ukuba eli bali liphindwe apha, kodwa ngokungafani naloo mabali, akukho ndoda enokunceda kubekho umntwana. URute uyedwa, umolokazana ongazaliyo nongowasemzini.
Ukuvuma kukaRute ukwenza ubomi bakhe idini ukuze ancede uninazala kuza kuba yindlela uThixo anika uSirayeli ikumkani entsha kwaye siza kuthetha ngaloo nto kuRute 4.
NjengoRute, uMariya akakangenwa kwaye wayengena kukwazi ukuba nomntwana. Kodwa ukuvuma kukaMariya ukusebenzela iNkosi kuthetha ukuthi ngaye, uKumkani uza kuzalwa angcwalise ihlabathi ngoBukumkani bakhe. UYesu ngunyana kaRute nentembeko kaMariya. UYesu uza kuzalwa kwidolophu yakuloMariya eyiBhetelehem! YiKumkani ngenene, hayi nje yakwaSirayeli, kodwa eyehlabathi. Wazalwa ukuze siphile ngolawulo lwakhe njengeKumkani.
Ke ngoko okokuba akuzali njengoRute, okokuba ungumhlolokazi njengoNawomi, okokuba akunankokeli njengoSirayeli, okokuba ulambile, okokuba ulihlwempu, okanye okokuba ngokwenzululwazi kubonakala ngathi akunakumitha, incwadi kaRute yeyakho. Umntwana uzelwe kwaye igama lakhe nguYesu. Okokuba njengoRute, ngokunyanisekileyo uzinikela kuKumkani uYesu, yonke into oyifunayo uza kuyinikwa.
Akwaba uMoya oyiNgcwele angavula amehlo akho umbone uThixo onguKumkani. Akwaba uYesu ungambona njengomhlobo wakho onyanisekileyo oza oza kukuzalisa.
Malunga nesi Sicwangciso

Esi sicwangciso sezifundo seentsuku ezi4 yincwadi yenkcazo yencwadi kaRute, esibonisa ukuthembeka kukaThixo, ulwazelelo, ukuhlangulwa novelwano. Ukuba uziva ngathi akungeni ndawo, okanye ngathi ungaphandle ujonge ngaphakathi, ibali likaRute liza kukukhuthaza kwaye likuphembelele, likukhumbuze ukuba uYesu, oyena Mhlanguli wethu, isisa sakhe usiphokozela kwabo bazithobileyo.
More
Sithanda ukubulela Spoken Gospel ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: http://www.spokengospel.com/









