KWABASEFILIPI 2:3-8
KWABASEFILIPI 2:3-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. Elowo makaxunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye. Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu; Owathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana noThixo akukuphanga; usuke wazenzisa, wathabatha ubume bomkhonzi, wenziwa wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
KWABASEFILIPI 2:3-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye. Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu: yena wàthi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
KWABASEFILIPI 2:3-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu. Izinto abanomdla kuzo abanye zixabiseni nazo, ningakhathaleli izinto eninomdla kuzo kuphela. Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku: Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu, ukulingana noThixo akakubawelanga kangangokude afune ukusunduzana naye. Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena, wathatha isimo sesicaka, waba ngumntu ncakasana. Engumntu ebantwini, wazambesa intobeko, ntobeko leyo yamsa ekufeni – ukufa kwasemnqamlezweni.
KWABASEFILIPI 2:3-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. Elowo makaxunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye. Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu; Owathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana noThixo akukuphanga; usuke wazenzisa, wathabatha ubume bomkhonzi, wenziwa wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
KWABASEFILIPI 2:3-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ningenzi luto ngokwenkani umhlaumbi ngokwokuzidla, koko ngokutobeka kwentliziyo abanye bebalela abanye ukuba bayabagqitisela. Maniti nonke ngabanye ningagqali ezenu izinto, koko nonke ngabanye nigqale nezabanye. Lenyamekelo okunene maibeko kuni, ebiko nakuye u‐Kristu Yesu: obete, esebumeni BUKATIXO nje, akaba kuyinto yokubanjwa ukulingana kwake NOTIXO, koko wazincipekisa, watabata ubume besicaka, wenziwa ekufaneni kwabantu; waza efunyenwe enesimilo njengomntu, wazitobisa, waba elulamile kwada kwasekufeni, ewe ekufeni kwekuruse.