KWABASEFILIPI 2:3-8

KWABASEFILIPI 2:3-8 XHO96

Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu. Izinto abanomdla kuzo abanye zixabiseni nazo, ningakhathaleli izinto eninomdla kuzo kuphela. Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku: Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu, ukulingana noThixo akakubawelanga kangangokude afune ukusunduzana naye. Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena, wathatha isimo sesicaka, waba ngumntu ncakasana. Engumntu ebantwini, wazambesa intobeko, ntobeko leyo yamsa ekufeni – ukufa kwasemnqamlezweni.