Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 2:3-8

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Filipi 2:3-8 XHO1902A

ningenzi luto ngokwenkani umhlaumbi ngokwokuzidla, koko ngokutobeka kwentliziyo abanye bebalela abanye ukuba bayabagqitisela. Maniti nonke ngabanye ningagqali ezenu izinto, koko nonke ngabanye nigqale nezabanye. Lenyamekelo okunene maibeko kuni, ebiko nakuye u‐Kristu Yesu: obete, esebumeni BUKATIXO nje, akaba kuyinto yokubanjwa ukulingana kwake NOTIXO, koko wazincipekisa, watabata ubume besicaka, wenziwa ekufaneni kwabantu; waza efunyenwe enesimilo njengomntu, wazitobisa, waba elulamile kwada kwasekufeni, ewe ekufeni kwekuruse.