UMATEYU 9:1-13 - Compare All Versions
UMATEYU 9:1-13 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Engenile ke emkhombeni, wawela, weza kufika emzini wakowabo. Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho. Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa. UYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu? Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe? Kodwa ukuze nazi ukuba únalo igunya emhlabeni uNyana woMntu lokuxolela izono (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe. Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka. Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwathi, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe. Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni? Ekuvile ke uYesu oko, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andizé kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni ukuba baguquke.
UMATEYU 9:1-13 XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYesu wakhwela esikhitshaneni, wawela uLwandle lwaseGalili, waya edolophini yakowabo. Kwaza kwafika abantu bezise kuye ngokhuko indoda efe umzimba. UYesu elubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Yomelela, nyana! Izono zakho zixolelwe.” Baza abathile kubachazi-mthetho bathetha bodwa besithi: “Lo mfo unyelisa uThixo!” UYesu ke, ezazi iingcamango zabo, wathi: “Kutheni na ukuba nibe neengcamango ezikhohlakele kangaka? Okukona kulula kukuphi na: kukho ukuthi: ‘Zixolelwe izono zakho,’ kukho nokuthi: ‘Vuka uhambe’? Ke ukuze nazi ukuba yena uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!” Waphakama ke, wagoduka. Bakukubona oku abantu, batsho boyika, bamdumisa uThixo, yena onika abantu igunya elingaka. UYesu waphuma apho, wathi edlula, wabona indoda egama linguMatewu, ihleli eofisini yerhafu, wathi kuyo: “Ndilandele.” Yaphakama, yamlandela. Kwathi xa uYesu wayesitya endlwini, into eninzi yabaqokeleli-rhafu *neyaboni yeza yahlala kunye naye nabafundi bakhe etafileni. Bakukubona oku *abaFarasi, bâthi kubafundi bakhe: “Kutheni na okokuba umfundisi wenu atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?” Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.”
UMATEYU 9:1-13 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Engenile ke emkhombeni, wawela, weza kowabo. Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. uYesu, elubona ukholo lwabo, wathi konedumbe; Nyana, yomelela; zixolelwe izono zakho. Kwabonakala kukho abathile bakubachazi-mthetho phakathi kwabo, besithi, Lo uyanyelisa; uYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezimbi ezintliziyweni zenu? Kuba kukuphi na okulula ngakumbi, ukuthi, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka, uhambe? Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe. Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka. Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu, athi kuye, Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwathi, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe. Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni? Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.
UMATEYU 9:1-13 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wangena enqanaweni, wawela, weza kwesake isixeko. Kekaloku bona ke, bazisa kuye umntu onesifo sokushwabanisa elele eluku̔kweni: waza u‐Yesu wabona ukolo lwabo, wati konesifo sokushwabanisa: Yomelela, nyanandini! uxolelwe izono zako. Kekaloku bona ke, ababa̔li abatile bati ngapakati kwabo: Lo uyagxeka u‐Tixo. Waza u‐Yesu wabona izicingo zabo, wati: Yinina ukuba nizicinge izinto ezikohlakeleyo ezintliziyweni zenu? ngokuba okona kulula kukupina; ukuti: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, uhambe; kusinina? kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu unegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wandula wati konesifo sokushwabanisa:) Suka, upate uku̔lo lwako, uye endlwini yako. Wesuka ke, wemka waya endlwini yake. Zati izihlwele zakubona oku zati nqa, zamdumisa UTIXO, obenike igunya elingakanana ebantwini. WAZA u‐Yesu edlula apo wabona umntu ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, o‐kutiwa ngu‐Mateyu, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwaza kwati, nxa abehleli ekutyeni endlwini, kekaloku bona ke, into eninzi yababuti beminikelo naboni beza bahlala ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake. Baza abafarisi, bakubona oku, bati kubadisipile bake: Kunganina ukuba atye umfundisi wenu kunye nababuti beminikelo naboni? Koko u‐Yesu, evile nje, wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Kodwa hambani nifunde ukuba kuti nina, — Ndiyafuna ububele, andifuni umbingo; ngokuba ndingezanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.