uMateyu 9:1-13

uMateyu 9:1-13 CXB24

Engenile ke emkhombeni, wawela, weza kowabo. Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. uYesu, elubona ukholo lwabo, wathi konedumbe; Nyana, yomelela; zixolelwe izono zakho. Kwabonakala kukho abathile bakubachazi-mthetho phakathi kwabo, besithi, Lo uyanyelisa; uYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezimbi ezintliziyweni zenu? Kuba kukuphi na okulula ngakumbi, ukuthi, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka, uhambe? Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe. Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka. Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu, athi kuye, Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwathi, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe. Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni? Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.