Ivangeli ka‐Mateyu 9:1-13

Ivangeli ka‐Mateyu 9:1-13 XHO1902A

Waza wangena enqanaweni, wawela, weza kwesake isixeko. Kekaloku bona ke, bazisa kuye umntu onesifo sokushwabanisa elele eluku̔kweni: waza u‐Yesu wabona ukolo lwabo, wati konesifo sokushwabanisa: Yomelela, nyanandini! uxolelwe izono zako. Kekaloku bona ke, ababa̔li abatile bati ngapakati kwabo: Lo uyagxeka u‐Tixo. Waza u‐Yesu wabona izicingo zabo, wati: Yinina ukuba nizicinge izinto ezikohlakeleyo ezintliziyweni zenu? ngokuba okona kulula kukupina; ukuti: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, uhambe; kusinina? kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu unegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wandula wati konesifo sokushwabanisa:) Suka, upate uku̔lo lwako, uye endlwini yako. Wesuka ke, wemka waya endlwini yake. Zati izihlwele zakubona oku zati nqa, zamdumisa UTIXO, obenike igunya elingakanana ebantwini. WAZA u‐Yesu edlula apo wabona umntu ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, o‐kutiwa ngu‐Mateyu, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwaza kwati, nxa abehleli ekutyeni endlwini, kekaloku bona ke, into eninzi yababuti beminikelo naboni beza bahlala ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake. Baza abafarisi, bakubona oku, bati kubadisipile bake: Kunganina ukuba atye umfundisi wenu kunye nababuti beminikelo naboni? Koko u‐Yesu, evile nje, wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Kodwa hambani nifunde ukuba kuti nina, — Ndiyafuna ububele, andifuni umbingo; ngokuba ndingezanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.