Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe. NoYuda ke, lowo umngcatshayo, ubeyazi indawo leyo, kuba uYesu ubesakubutha futhi khona apho nabafundi bakhe. Athi ngoko uYuda, ethabathe ibutho lamasoldati namadindala kubabingeleli abakhulu nabaFarisi, eze khona enezikhanyiso nezibane neentonga. Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na? Bamphendula bathi, uYesu waseNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Waye ke noYuda, lowo umngcatshayo, emi nabo. Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni. Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, uYesu umNazarete. Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke; ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye. Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene. Igama lesicaka lalinguMalko. Wathi ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na? Laza elo qela lamajoni nomthetheli-waka namadindala amaYuda bambamba uYesu, bambopha. Wamsa kuAnas kuqala; kuba wayenguyise womkakhe kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka. Ke kaloku uKayafa wayengulowo wabhunga namaYuda ngokuthi, Kuyinto elungileyo, ukuba umntu omnye afele abantu. Ke kaloku uSimon Petros wayemlandela uYesu, naye omnye umfundi. Loo mfundi ke wayesazeka kumbingeleli omkhulu, wangena noYesu entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. uPetros ke wayemi ngasemnyango ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros. Sathi ngoko isicakazana esingumgcini-sango kuPetros, Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na? Athi, Andinguye. Ke kaloku kwakumi khona abakhonzi namadindala bebase umlilo wamalahle; bamana besotha, waye ke uPetros emi nabo esotha. Umbingeleli omkhulu ngoko wambuza uYesu ngabafundi bakhe, nangayo imfundiso yakhe. Wamphendula uYesu wathi, Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; Bendisoloko ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona; andithethanga nto emfihlekweni. Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithethayo kubo; uyabona, bayakwazi oko ndakuthethayo. Ke kaloku, akuba etshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wenjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu? Wamphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na?