UYOHANE 18:1-23

UYOHANE 18:1-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Akuzithetha uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe. NoYuda ke, lowo umngcatshayo, ubeyazi indawo leyo; kuba uYesu ubesakubutha futhi khona apho nabafundi bakhe. Athi ngoko uYuda, ethabathe ibutho lamasoldati namadindala kubabingeleli abakhulu nabaFarisi, eze khona enezikhanyiso nezibane neentonga. Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na? Bamphendula bathi, UYesu umNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Wabemi ke nabo uYuda, lowo umngcatshayo. Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni. Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, UYesu umNazarete. Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke; ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye. Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene; laye igama lomkhonzi lowo linguMalko. Uthe ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na? Ibutho ngoko lamasoldati, nomthetheli-waka, namadindala amaYuda, bambamba uYesu, bambopha, bamrholela kuAnas kuqala; kuba wayengusomfazi kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka. Ke kaloku uKayafa wayengulowo wabhunga namaYuda ngokuthi, Kuyinto elungileyo, ukuba umntu omnye atshabalale ngenxa yabantu. Ke kaloku uSimon Petros wayemlandela uYesu, naye omnye umfundi. Loo mfundi ke wayesazeka kumbingeleli omkhulu, wangena noYesu entendelezweni yombingeleli omkhulu. UPetros ke ubemi ngasesangweni ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros. Sithi ngoko isicakazana esingumgcini-sango kuPetros, Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na? Athi yena, Andinguye. Ke kaloku kwakumi khona abakhonzi namadindala bebàse umlilo wamalahle, ngokuba bekubanda; bamana besotha, waye ke uPetros emi nabo esotha. Umbingeleli omkhulu ngoko wambuza uYesu ngabafundi bakhe, nangayo imfundiso yakhe. Wamphendula uYesu wathi, Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; mna bendihleli ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona, evela kumacala onke; emfihlekweni andithethanga nto. Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithetha kubo; uyabona, aba bayakwazi oko ndakuthethayo. Ke kaloku, akubon' ukuba utshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wènjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu? Waliphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethé kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethé kakuhle, undibethelani na?

UYOHANE 18:1-23 IBHAYIBHILE (XHO96)

Emva kwalo mthandazo uYesu wawelela ngaphesheya komlanjana iKedron, ehamba nabafundi bakhe. Kwakukho igadi kuloo ndawo; uYesu wangena kuyo kunye nabafundi bakhe. UJudas, umngcatshi wakhe, naye wayeyazi loo ndawo, kuba uYesu nabafundi bakhe babedla ngokuhlangana kuyo. Ke ngoko uJudas waya kuloo ndawo, ehamba neqela lamajoni nabagadi bendlu kaThixo, bephethe izibane, nezikhuni ezivuthayo, nezikhali, bethunywe ngababingeleli abaziintloko nabaFarasi. UYesu ekwazi konke okwakuza kumhlela, wabakhawulela, wathi: “Nifuna bani?” Baphendula bathi: “UYesu waseNazarete.” Wathi ke kubo: “Ndinguye.” UJudas umngcatshi wayemi kunye nabo. Akuba uYesu ethe: “Ndinguye,” babuya umva, bawa phantsi. Wababuza kwakhona uYesu esithi: “Nifuna bani?” Bona bathi: “UYesu waseNazarete.” Wathi uYesu: “Nditshilo ukuba ndinguye. Ke ukuba nifuna mna, bayekeni bazihambele aba.” Esitsho nje wayesenzela ukuba lizaliseke ilizwi awalithethayo kuYise esithi: “Bawo, akudukanga namnye kwabo wandinika bona.” Kuthe ke ngoko uSimon Petros enekrele walirhola, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasisusa indlebe yasekunene. Igama lesicaka eso lalinguMalko. Wathi ke uYesu kuPetros: “Faka ikrele lakho esingxotyeni salo. Le ntlungu ndiyibekelwe nguBawo. Ndiya kuthini ke ukungayamkeli!” Ke ngoko elo qela lamajoni, linomphathi walo, kwakunye nabagadi *bendlu kaThixo ababethunywe ngamaJuda, bambamba uYesu, bambopha izandla. Kuqala bamsa kuAnas, kuba wayenguyise womka-Kayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka. Ngulo Kayafa ke lo owacebisa amaJuda ngelithi kulungile ukuba umntu omnye afele abantu bonke. UYesu walandelwa nguSimon Petros kwanomnye umfundi. Lo mfundi ke walandela uYesu wangena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, kuba wayeqhelene nomninimzi lowo. UPetros yena wasala ngaphandle kwesango. Waphuma ke lo mfundi wayeqheliwe apho, wathi ethethe nesicakazana esigcina isango, wamngenisa uPetros. Sathi ke kuPetros isicakazana eso: “Akunguye na umfundi walo mntu?” Wathi uPetros: “Hayi; andinguye.” Kwakubanda; ke ngoko izicaka nabagadi *bendlu kaThixo babebase imbawula, beyingqongile, besotha. UPetros waya wema kunye nabo, wotha. Umbingeleli omkhulu wabuza uYesu ngabafundi bakhe nangeemfundiso zakhe. Waphendula uYesu wathi: “Ndithethe phandle ehlabathini. Bendihlala ndifundisa ezindlwini zesikhungo nasendlwini kaThixo apho kuhlangana khona onke amaJuda. Akukho nto ndiyithethe emfihlakalweni. Usandibuza ntoni ke? Buza kwabo bantu bandivileyo. Bayazazi izinto endazithethayo.” Akugqibanje ukutsho, omnye wabagadi bendlu kaThixo owayekufuphi naye, wambetha ngempama, esithi: “Yindlela yokuphendula umbingeleli omkhulu le?” Wamphendula uYesu wathi: “Ukuba ndithethe ngendlela engeyiyo, cacisa ke. Kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethela ntoni?”

UYOHANE 18:1-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe. NoYuda ke, lowo umngcatshayo, ubeyazi indawo leyo, kuba uYesu ubesakubutha futhi khona apho nabafundi bakhe. Athi ngoko uYuda, ethabathe ibutho lamasoldati namadindala kubabingeleli abakhulu nabaFarisi, eze khona enezikhanyiso nezibane neentonga. Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na? Bamphendula bathi, uYesu waseNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Waye ke noYuda, lowo umngcatshayo, emi nabo. Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni. Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, uYesu umNazarete. Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke; ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye. Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene. Igama lesicaka lalinguMalko. Wathi ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na? Laza elo qela lamajoni nomthetheli-waka namadindala amaYuda bambamba uYesu, bambopha. Wamsa kuAnas kuqala; kuba wayenguyise womkakhe kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka. Ke kaloku uKayafa wayengulowo wabhunga namaYuda ngokuthi, Kuyinto elungileyo, ukuba umntu omnye afele abantu. Ke kaloku uSimon Petros wayemlandela uYesu, naye omnye umfundi. Loo mfundi ke wayesazeka kumbingeleli omkhulu, wangena noYesu entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. uPetros ke wayemi ngasemnyango ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros. Sathi ngoko isicakazana esingumgcini-sango kuPetros, Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na? Athi, Andinguye. Ke kaloku kwakumi khona abakhonzi namadindala bebase umlilo wamalahle; bamana besotha, waye ke uPetros emi nabo esotha. Umbingeleli omkhulu ngoko wambuza uYesu ngabafundi bakhe, nangayo imfundiso yakhe. Wamphendula uYesu wathi, Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; Bendisoloko ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona; andithethanga nto emfihlekweni. Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithethayo kubo; uyabona, bayakwazi oko ndakuthethayo. Ke kaloku, akuba etshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wenjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu? Wamphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethe kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethelani na?

UYOHANE 18:1-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

WATI u‐Yesu akuba ebetetile lamazwi, wapuma nabadisipile bake waya pesheya kwomlanjana we‐Kidrone, apo bekuko umyezo kona, ekwangena kuwo yena nabadisipile bake. Kekaloku no‐Jude, owamngcatshayo, wabeyazi indawo leyo; ngokuba bekufuti u‐Yesu wabutelana kona nabadisipile bake. U‐Jude ngoko, elamkele nje ibandla, namadindili evela kubo abaperisite abakulu nabafarisi, weza kona enezibane, nezikuni, nezikali. Wandula u‐Yesu, esazi zonke izinto ezibe zisiza pezu kwake, wapuma wati kubo: Nifuna banina? Bati ukumpendula: u‐Yesu wase‐Nazarete. Wati kubo u‐Yesu: Ndinguye. (Kekaloku no‐Jude owamngcatshayo ebemi ndawonye nabo.) Xeshekweni ngoko watsho kubo ukuti: Ndinguye; baya ngomva, bawa emhlabeni. Wandula wabuya wabuza kubo ukuti: Nifuna banina? Baza bati: u‐Yesu wase‐Nazarete. Wati u‐Yesu ukupendula: Ndatsho kuni ukuti ndinguye: ukuba ngoko niyafuna mna, yekani aba bahambe: ukuze lizaliseke ilizwi owalitshoyo ukuti: Abo undinikile bona, akwandilahleka namnye kubo. Wandula u‐Simone Petrosi enesiṙele nje wasir̔ola, wabeta isicaka somperisite omkulu, wasiti nqam eyokunene indlebe. Laye lingu‐Maluke igama lesicaka eso. Wati ngoko u‐Yesu ku‐Petrosi: Faka isiṙele sako esinxobeni: indebe endiyinikiweyo NGUBAWO, ndingayiseli na? Bandula ukuti ibandla elo, nenkosiwaka, namadindili ama‐Juda, bambamba u‐Yesu, bamnxiba, bamr̔olela ku‐Anasi kuqala; ngokuba ebengusomfazi ku‐Kayafasi, obengumperisite omkulu ngomnyaka lowo. Kekaloku ebengu‐Kayafasi owanika icebo kuma‐Juda, lokuti kusilungele ukuba umntu emnye afe ngenxa yabantu. Waza u‐Simone Petrosi wamlandela u‐Yesu, kwa nalomdisipile omnye: waye ke umdisipile lowo esaziwa ngumperisite omkulu, wangena no‐Yesu ekusini lendlu yomperisite omkulu. Kodwa u‐Petrosi ebemi ngaselucangweni ngapandle. Wandula wapuma lomdisipile omnye, obesaziwa ngumperisite omkulu, wateta kumgcinikazi wocango, wamngenisa u‐Petrosi. Sandula sati isicakazana esingumgcinikazi wocango ku‐Petrosi: Nawe ungowakubadisipile balomntu na? Wati yena: Andinjalo. Kekaloku izicaka namadindili bebemi kona, bewubasile umlilo wamalahle, ngokuba bekubanda, bota ke: kanjalo u‐Petrosi ebemi ndawonye nabo, esota naye. Wandula umperisite omkulu wabuza ku‐Yesu ngabadisipile bake, nangemfundiso yake. Wati u‐Yesu ukumpendula: Ndateta ekuhleni kwilizwe; ndamana ndifundisa endlwini yentlanganiso nasetempileni, apo ama‐Juda amana ehlangana kona; andateta nto ke ngasese. Yinina ukuba ubuze kum? buza kubo abandivileyo, ukuba ndateta nto nina kubo: kangela, aba bayakwazi oko ndakutshoyo. Kekaloku akuba ebetshilo oku, elinye lamadindili elibe limi kufupi lamtywakaza u‐Yesu ngesandla, lisiti: Uyenje njalo na ukumpendula umperisite omkulu? Wati u‐Yesu ukulipendula: Ukuba ndateta ngokukohlakeleyo, nqi̔nela ukukohlakala oko: kodwa ukuba ndateta ngokulungileyo, uyandibetela nina?