Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na? Wavuma yena, akakhanyela; wavuma ke esithi, Andinguye uKristu mna. Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Wathi yena, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi yena, Hayi. Athi ngoko kuye, Ungubani na? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Uthini na wena ngawe? Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti. Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi. Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu, noEliya, nomprofeti lowo? Wabaphendula uYohane wathi, Mna ndibhaptiza ngamanzi, kodwa phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina. Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe. Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.