UYOHANE 1:19-28
UYOHANE 1:19-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na? Wavuma akakhanyela, wavuma esithi, Andinguye mna uKristu.• Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Athi, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi ukuphendula, Hayi. Bathi ngoko kuye, Ungubani na ke? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Ùthini na wena ngawe ngokwakho? Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti. Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi. Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu•, noEliya, nomprofeti lowo? Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina. Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe. Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.
UYOHANE 1:19-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaJuda aseJerusalem athumela ababingeleli *nabaLevi kuye, okokuba ambuze athi: “Ungubani na?” Watsho ngokuphandle, engafihlisi, wathi: “Mna andinguye *uKrestu.” Bambuza besithi: “Ungubani ke? Ngaba unguEliya?” Yena wathi: “Hayi andinguye.” Bona bathi: “Ngaba unguye laa Mshumayeli?” Waphendula wathi: “Hayi, andinguye.” Ke ngoko bathi kuye: “Sixelele okokuba ungubani na, ukuze sibe nokubaphendula abo basithumileyo. Ngaba uthini na wena ngawe ngokwakho?” Waphendula uYohane, ecaphula kumazwi *omshumayeli uIsaya, esithi: “Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi: ‘Yilungiseleleni indlela iNkosi.’ ” Kwakukho nababethunywe *ngabaFarasi. Bona bambuza uYohane besithi: “Ungáthini ke ukubhaptiza, ungenguye uKrestu, okanye uEliya, okanye laa Mshumayeli?” Wabaphendula uYohane wathi: “Mna ndinibhaptiza ngamanzi. Kambe ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo. Yena uza emva kwam, kodwa mna andifanele kukhulula nomtya lo wezihlangu zakhe.” Oku kwênzeka eBhetani, ngaphesheya kweJordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.
UYOHANE 1:19-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na? Wavuma yena, akakhanyela; wavuma ke esithi, Andinguye uKristu mna. Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Wathi yena, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi yena, Hayi. Athi ngoko kuye, Ungubani na? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Uthini na wena ngawe? Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti. Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi. Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu, noEliya, nomprofeti lowo? Wabaphendula uYohane wathi, Mna ndibhaptiza ngamanzi, kodwa phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina. Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe. Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.
UYOHANE 1:19-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU oku kukunqi̔na kuka‐Johane, xeshekweni ama‐Juda ase‐Yerusaleme atuma abaperisite naba‐Levi, ukuze babuze kuye ukuti: Wena ungubanina? Waza wavuma, akakanyela ke; ewe wavuma, esiti: Andinguye u‐Kristu. Baza babuza kuye ukuti: Uti nina pofu? unguye na u‐Elija? Wayesiti: Andinguye. Bati: Unguye na umprofite lowo? Wapendula wati: Hai. Bati ngoko kuye: Ungubanina? ukuze sibanike impendulo abo basitumayo: uti nina ngesiqu sako? Wati: Ndililizwi lodandulukayo entlango: Lungelelanisani indlela KAYEHOVA; njengokuba bekutshiwo ngu‐Yisaya umprofite. Kekaloku abo babetunyiwe bebengabakubo abafarisi. Baza bambuza, bati kuye: Yinina pofu ukuba ubapitizeshe, ukuba akunguye u‐Kristu, kwa no‐Elija, kwa nomprofite lowo? Wapendula kubo u‐Johane, esiti: Mna ndiyabapitizesha ngamanzi: kodwa kumi pakati kwenu oningamaziyo; nguye oti, esiza emva kwam, uze kuba pambili kum, endingafanele mna ukuba ndiwutukulule umtya wesihlangu sake. Ezizinto zenzeka e‐Betabara pesheya kwe‐Yoredane, apo u‐Johane ebebapitizesha kona.