1
KwabaseRoma KwabaseRoma 14:17-18
Contemporary Xhosa Bible 2024
CXB24
Kaloku ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa, noxolo, novuyo kuMoya oyiNgcwele. Kuba omkhonzayo uKristu kwezo zinto, ukholekile kakuhle kuye uThixo
Thelekisa
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 14:17-18
2
KwabaseRoma KwabaseRoma 14:8
Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 14:8
3
KwabaseRoma KwabaseRoma 14:19
Masiphuthume ke izinto ezisingisa eluxolweni, nezinto zokwakhana.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 14:19
4
KwabaseRoma KwabaseRoma 14:13
Ngoko ke masingabi sagwebana, kodwa makungabikho bani ubeka isikhubekiso okanye umkhubekiso komnye nomnye.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 14:13
5
KwabaseRoma KwabaseRoma 14:11-12
Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndihleli nje mna, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo, Zidumise uThixo zonke iilwimi. Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 14:11-12
6
KwabaseRoma KwabaseRoma 14:1
Lowo uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 14:1
7
KwabaseRoma KwabaseRoma 14:4
Ungubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso, ewe, uya kuma, kuba uThixo unako ukummisa.
Phonononga KwabaseRoma KwabaseRoma 14:4
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo