1
IINDUMISO 46:10
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna. Ndiya kuphakanyiswa ezintlangeni, ndiya kuphakanyiswa ehlabathini.
Thelekisa
Phonononga IINDUMISO 46:10
2
IINDUMISO 46:1-2
UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene. Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi, Ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle.
Phonononga IINDUMISO 46:1-2
3
IINDUMISO 46:4-5
Kukho umlambo ozibhaxa zivuyisa umzi kaThixo, Ingcwele yeminquba yOsenyangweni. UThixo uphakathi kwawo, awushukunyiswa; UThixo uyawunceda kwasekuzeni kokusa.
Phonononga IINDUMISO 46:4-5
4
IINDUMISO 46:9
Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi; Waphúla isaphetha, angqumze umkhonto, Atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.
Phonononga IINDUMISO 46:9