1
UISAYA 65:24
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 65:24
2
UISAYA 65:17
Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angàkhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.
Phonononga UISAYA 65:17
3
UISAYA 65:23
Àbayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazálele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo.
Phonononga UISAYA 65:23
4
UISAYA 65:22
Àbayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.
Phonononga UISAYA 65:22
5
UISAYA 65:20
Akuyi kuba savela khona usana oluneentsuku, nexhego elingayizalisanga imihla yalo; kuba umfana uya kufa engominyaka ilikhulu ezelwe, atshabhiswe umoni engominyaka ilikhulu ezelwe.
Phonononga UISAYA 65:20
6
UISAYA 65:25
Kuya kudla ndawonye ingcuka nemvana, ingonyama idle umququ njengenkomo; inyoka, sibe luthuli isonka sayo. Aziyi kwenza bubi, zonakalise, kuyo yonke intaba yam engcwele; utsho uYehova.
Phonononga UISAYA 65:25
7
UISAYA 65:19
Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam, lingabi savakala khona ilizwi lokulila nelizwi lokukhala.
Phonononga UISAYA 65:19
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo