I‐Genesise 1

1
ISAHLUKO I.
1EKUQALEKENI wadala utixo izulu nomhlaba.
2KEKALOKU umhlaba wabugxwayiba, wauzé kanjalo: kwabako nobumnyama ebusweni benzulu. Waye u‐Moya katixo wazamazama pezu kwobuso bamanzi.
3Wayesiti utixo: Makubeko ukukanya; kwaza kwabako ukukanya. 4Waye utixo wabona ukukanya ukuba kulungile; waza utixo wenza isahlulo pakati kwokukanya nobumnyama. 5Wati utixo ukutiya ukukanya, yimini; wati nokutiya ubumnyama, bubusuku. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wokuqala.
6Wayesiti utixo: Makubeko isibakabaka pakati kwamanzi, size sibe sisahlulo pakati kwamanzi namanzi. 7Waza utixo wasenza isibakabaka, wawahlula amanzi abengapantsi kwesibakabaka, kuwo amanzi abengapezu kwesibakabaka. Kwaye kunjalo ke. 8Wati utixo ukutiya isibakabaka, lizulu. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesibini.
9Wayesiti utixo: Amanzi angapantsi kwezulu makahlanganiselwe endaweni inye, kuze kubonakale okwomileyo. Kwaye kunjalo ke. 10Wati utixo ukutiya okwomileyo, ngumhlaba; wati nokutiya ukuhlanganisana kwamanzi, zilwandle. Waye utixo wabona ukuba kulungile. 11Wayesiti utixo: Umhlaba mauvelise inca, nomfuno unika imbewu, nomti wokuqa̔ma, uhlanza isiqa̔mo ngemmilo yawo, ombewu ipakati kwawo, pezu kwomhlaba. Kwaye kunjalo ke. 12Umhlaba wavelisa inca, nomfuno unika imbewu ngemmilo yawo, nomti uhlanza isiqa̔mo, ombewu ipakati kwawo, ngemmilo yawo. Waye utixo wabona ukuba kulungile. 13Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumlhla wesitatu.
14Wayesiti utixo: Makubeko izikanyiso esibakabakeni sezulu, zize zisenze isahlulo pakati kwemini nobusuku; mazibe zizo ezemiqondiso, nezamaxesha amiselweyo, nezemihla, nezeminyaka: 15maziti kanjalo zibe zizikanyiso esibakabakeni sezulu zokukanyisa pezu kwomhlaba. Kwaye kunjalo ke. 16Wazenza utixo zazibini izikanyiso ezikulu; eso sikulu isikanyiso ukuba sipate imini, neso sincinane isikanyiso ukuba sipate ubusuku; wazenza nenkwenkwezi. 17Wayezimisa utixo esibakabakeni sezulu, ukuba zikanyise pezu kwomhlaba, 18nokuba zipate pezu kwemini napezu kwobusuku, nokuba zisenze isahlulo pakati kwokukanya nobumnyama. Waye utixo wabona ukuba kulungile. 19Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesine.
20Wayesiti utixo: Amanzi makakolise ukuvelisa izilwana ezinokudliwa kwobomi; nentaka mazipapazele pezu kwomhlaba esibakabakeni sezulu. 21Wadala utixo iminenga emikulu, nazo zonke izinto ezinokudliwa kwobomi ezishukumayo, awati amanzi akolisa ukuzivelisa ngemmilo yazo; kwa nazo zonke intaka ezinamapiko ngemmilo yazo. Waye utixo wabona ukuba kulungile. 22Waza utixo wazitamsanqela, esiti: Cumani, nande, nizalise amanzi akuzo ilwandle; nentaka mazande emhlabeni. 23Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesihlanu.
24Wayesiti utixo: Umhlaba mawuvelise izinto ezinokudliwa kwobomi ngemmilo yazo, inkomo, nento ezinambuzelayo, nezilo zomhlaba, ngemmilo yazo. Kwaye kunjalo ke. 25Wenza utixo izilo zomhlaba ngemmilo yazo, nenkomo ngemmilo yazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngemmilo yazo. Waye utixo wabona ukuba kulungile.
26Wayesiti utixo: Masenze umntu ngomfanekiso wetu, njengemfuzo yetu; mababe nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwenkomo, napezu kwawo wonke umhlaba, napezu kwazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba. 27Waza utixo wadala umntu ngowake umfanekiso; wamdala ngomfanekiso katixo: wabadala indoda nomfazi. 28Waye utixo wabatamsanqela, wati utixo kubo: Cumani, nande, nizalise umhlaba, niwoyise; yibani nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwazo zonke izilo ezishukumayo pezu kwomhlaba.
29Wayesiti utixo: Bona ke, ndinipile yonke imifuno inika imbewu, epezu kwobuso bomhlaba wonke, nayo yonke imiti ekukuyo isiqa̔mo somti sinika imbewu: yoba yinto yokutya kuni. 30Nakuzo zonke izilo zomhlaba, nakuzo zonke intaka zezulu, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni, ekukuzo ubomi, ndipile yonke imifuno eluhlaza ibe kukutya. Kwaye kunjalo ke. 31Waye utixo wabona konke abekwenzile, kekaloku bona ke, kwakulungile kunene. Kwaza ukuhlwa nokusa kwaba ngumhla wesitandatu.

Terpilih Sekarang Ini:

I‐Genesise 1: XHO1902A

Highlight

Kongsi

Salin

None

Ingin menyimpan sorotan merentas semua peranti anda? Mendaftar atau log masuk

YouVersion menggunakan kuki untuk memperibadikan pengalaman anda. Dengan menggunakan laman web kami, anda menerima penggunaan kuki kami seperti yang diterangkan dalam Polisi Privasi kami