1
IZAFOBE 22:6
IBHAYIBHILE
XHO96
Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha, soze ahlukane nayo naxa selekhulile.
比較
IZAFOBE 22:6で検索
2
IZAFOBE 22:4
Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo, uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.
IZAFOBE 22:4で検索
3
IZAFOBE 22:1
Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi; ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.
IZAFOBE 22:1で検索
4
IZAFOBE 22:24
Musa ukuhlobana nomntu onephuku; sukuhambisana nonkom' iyahlaba.
IZAFOBE 22:24で検索
5
IZAFOBE 22:9
Umntu onezinwe uyathamsanqeleka, kuba kaloku uyawapha amahlwempu kukutya anako.
IZAFOBE 22:9で検索
6
IZAFOBE 22:3
Umfo ohlakaniphileyo uthi akuyibona isiza ingozi ayiphephe; ke yena ongaqondiyo uthwabaza aye kungena kuyo, aze ke ave ubuhlungu yiloo nto.
IZAFOBE 22:3で検索
7
IZAFOBE 22:7
Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu; nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.
IZAFOBE 22:7で検索
8
IZAFOBE 22:2
Umntu osisityebi nomntu olihlwempu ikho into ebadibanisayo: kaloku bobabini badalwe nguNdikhoyo.
IZAFOBE 22:2で検索
9
IZAFOBE 22:22-23
Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze; futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni. Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo, abaphange abo babaphangayo.
IZAFOBE 22:22-23で検索