YouVersion Logo
Search Icon

Ivangeli ka‐Mateyu 1

1
ISAHLUKO I.
1INCWADI yokuvelakuka‐Yesu Kristu, unyana ka‐Davide, unyana ka‐Abrahame.
2U‐Abrahame wazala u‐Yisake; no‐Yisake wazala u‐Yakobi; no‐Yakobi wazala u‐Juda nabazalwana bake; 3waza u‐Juda wazala u‐Faretse no‐Zera ngo‐Tamare; wati u‐Faretse wazala u‐Hetserone; no‐Hetserone wazala u‐Rame; 4no‐Rame wazala u‐Haminadabi; no‐Haminadabi wazala u‐Nahashone; no‐Nahashone wazala u‐Salimone; 5no‐Salimone wazala u‐Bohazi ngo‐Rakabi; waza u‐Bohazi wazala u‐Obedi ngo‐Rute; wati u‐Obedi wazala u‐Jese; 6no‐Jese wazala u‐Davide ukumkani.
Waza u‐Davide ukumkani wazala u‐Solomone ngobengumfazi ka‐Huriya; 7wati u‐Solomone wazala u‐Rehobome; no‐Rehobome wazala u‐Abiya; no‐Abiya wazala u‐Asa: 8no‐Asa wazala u‐Yehoshafate; no‐Yehoshafate wazala u‐Yorame; no‐Yorame wazala u‐Huziya; 9no‐Huziya wazala u‐Yotame; no‐Yotame wazala u‐Ahazi; no‐Ahazi wazala u‐Hezekiya; 10no‐Hezekiya wazala u‐Manase; no‐Manase wazala u‐Amoni; no‐Amoni wazala u‐Josiya; 11no‐Josiya wazala u‐Yekoniya nabazalwana bake, ngexesha lokufuduselwa e‐Babilone.
12Nasemveni kwokufuduselwa e‐Babilone, u‐Yekoniya wazala u‐Shalatiyeli; no‐Shalatiyeli wazala u‐Zerubabeli; 13no‐Zerubabeli wazala u‐Abihude; no‐Abihude wazala u‐Eliyakime; no‐Eliyakime wazala u‐Hazore; 14no‐Hazore wazala u‐Tsadoki; no‐Tsadoki wazala u‐Akime; no‐Akime wazala u‐Elihude; 15no‐Elihude wazala u‐Elezari: no‐Elezari wazala u‐Matane; no‐Matane wazala u‐Yakobi: 16no‐Yakobi wazala u‐Josefe indoda ka‐Mariya, okungaye wazalwa u‐Yesu, okutiwa ngu‐Kristu.
17Zonke izizukulwana ke ezivela ku‐Abrahame kude kube ku‐Davide, zizizukulwana ezilishumi linazine; naku‐Davide kude kube sekufuduselweni e‐Babilone, zizizukulwana ezilishumi linazine; nakuko ukufuduselwa e‐Babilone kude kube ku‐Kristu, zizizukulwana ezilishumi linazine.
18KEKALOKU ukuzalwa kuka‐Yesu Kristu kwaye kungoku: ukuba unina wake u‐Mariya exanyelwe u‐Josefe nje, bengekahlangani, wafunyanwa emiti ngomoya oyingcwele. 19Waza u‐Josefe, indoda yake, engolungileyo nje, kanti engatandi ukumhlazisa ekuhleni, wafuna ukumlahla ngasese. 20Kodwa esacinga ezizinto, bona ke, ingelosi yenkosi yabonakala kuye epupeni, isiti: Josefe, nyana ka‐Davide! ungoyiki ukutabatela kuwe u‐Mariya umfazi wako; ngokuba oko kukaulweyo pakati kwake kungomoya oyingcwele. 21Wozala unyana ke, wauya kubiza igama lake ngo— Yesu; ngokuba yena eya kusindisa abantu bake ezonweni zabo.
22(Kekaloku oku konke kwenzekile, ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo yinkosi ngomprofite, isiti: 23Bona ke, intombi iya kumita, izale unyana, babeya kumbiza ngegama elingu‐Yimanuweli, oko kukuti ngokukunyushwa, Utixo enati.)
24Wandula u‐Josefe, akuba evukile ebutongweni, wenza njengokuba ibimyalele ingelosi yenkosi, watabatela kuye umfazi wake: 25kanti wayengamazi kwada kwazalwa nguye unyana wake owamazibulo; waza wabiza igama lake ngo— Yesu.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in