YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 30

30
Mayela nezifungo
1Iinkulu zezindlu zikaSirayeli uMosis wazinika le mimiselo *kaNdikhoyo ilandelayo, wathi: 2“Indoda xa ithe yenza isibhambathiso kuNdikhoyo, okanye xa ithe yenza isifungo sokuzibophelela, mayingasaphuli eso sifungo, koko mayikufezekise konke ekuthembisileyo.
3“Ukuba intombi engekendi ithembisa ukunika uNdikhoyo into, okanye yafungela ukuzila into ethile, 4mayenze ngokwesifungo nesithembiso sayo, ngaphandle kokuba uyise uthe akuyiva loo nto, wayichasa. 5Kodwa ke xa athe akuva ngale nyewe uyise, wala ukuba isifezekise eso sithembiso, ayisabophelelekanga kuso. UNdikhoyo uya kuyixolela, kuba yalelwe nguyise ukuba mayisifezekise.
6“Kambe ukuba intombi yenze isithembiso, iqonda okanye ingaqondi, mhlawumbi yafungela ukuzila into ethile, yaza ke kamva yenda, 7ke yena wathi akusiva umyeni wayo akathetha nto, isifungo eso okanye isithembiso sohlala siyibophile. 8Kodwa ke ukuba ithe yakuva ngesi sifungo indoda yayo yasichasa eso sifungo okanye isithembiso, siya kuba sitshitshile; futhi ke xa kunjalo noNdikhoyo uya kuyixolela.
9“Ke yena umhlolokazi okanye umfazi owahlukene nendoda yakhe, xa ethe wenza isithembiso okanye isifungo, uya kunyanzeleka ukuba asifezekise.
10“Ke ukuba umfazi owendileyo wenze isithembiso okanye isifungo, 11yaza yathi yakuyiva loo nto indoda yakhe ayathetha nto, ayasichasa eso sithembiso okanye isifungo, uya kunyanzeleka ukuba asifezekise. 12Kambe ke ukuba ithe yakusiva eso sifungo indoda yakhe yasichasa, soba sitshitshisiwe eso sithembiso okanye isifungo, kuba kaloku indoda yakhe imalele ukuba asifezekise; ngoko ke noNdikhoyo uya kumxolela. 13Indoda inelungelo lokusixhasa okanye isichithe isithembiso nokuba sisifungo esenziwe ngumfazi wayo. 14Ukuba ke indoda leyo ithe yakuva ngeso sifungo yathatha ithuba ingathethi nto, yoba iyasixhasa eso sithembiso okanye isifungo azibophe ngaso umfazi wayo; ewe, yoba isixhasile xa ingathethanga nto yakuba ivile ngaso. 15Phofu ke ukuba ithule yathula yajika ngengomso yasitshitshisa eso sifungo, ityala lokungafezekiswa kwaso loba semagxeni ayo.”
16Nantso ke imimiselo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo mayela nendoda nomfazi wayo, ngokunjalo mayela nentombi ekowayo.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 30: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy