YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 31

31
Imfazwe namaMidiyani
1*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: 2“Phambi kokuba ungabikho amaSirayeli makaziphindezele kumaMidiyani ngenxa yento awayenzayo.”
3Ngoko ke uMosis wayalela amaSirayeli, wathi: “Xhobisani amadoda omkhosi ukuze ahlasele amaMidiyani, aphindezele ngenxa kaNdikhoyo. 4Indlu nganye mayikhuphe iwaka lamadoda.”
5Indlu nganye ke yakhetha yakhupha iwaka lamadoda, aza ke ewonke alishumi elinambini lamawaka alibophe aligangatha. 6UMosis ke wawukhupha lo mkhosi, uhamba nombingeleli uPineyasi unyana kaElazare. Yena waya edabini ephethe izitya ezingcwele namaxilongo okuhlaba umkhosi. 7Ngokomlomo kaNdikhoyo ke bawahlasela amaMidiyani, bawatshabalalisa onke amadoda, 8kunye neekumkani ezintlanu zamaMidiyani: uEvi, uRekem, uZure, uYuri, noRebha. Bambulala noBhalam unyana kaBhehore.
9AmaSirayeli athimba abafazi bamaMidiyani nabantwana bawo, ayithatha yonke imfuyo yawo, azenzela nakubutyebi bawo. 10Ke zona iidolophu nemizana azitshisa ngomlilo zonke.
11Amabanjwa nemfuyo nako konke ababekuthimbile bakuthatha 12bakusa kuMosis noElazare noSirayeli ephela. Bona ke babemise kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.
Ukubuya komkhosi
13UMosis, noElazare, neenkulu zezindlu zamaSirayeli, baphuma baya kuhlangabeza umkhosi. 14UMosis wakhathazeka sisenzo sabaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela awayevela emfazweni. 15Wabuza wathi: “Ngani ukuba ningababulali aba bafazi? 16Senilibele ngoku ukuba yayingabafazi abâlandela icebo likaBhalam, baza bawawexula amaSirayeli, amvukela *uNdikhoyo ePehore? Kaloku nantso into eyehlisela abantu bakaNdikhoyo ngobhubhani. 17Ngoko ke wabulaleni onke amakhwenkwe ngokunjalo nabafazi. 18Ke wona amantombazana kunye neentombi zigcineleni. 19Bonke ke kuni ababuleleyo nabathe bachukumisa izidumbu mabahlale ngaphandle komzi iintsuki zibe sixhenxe. Ngosuku lwesithathu nolwesixhenxe zihlambululeni ndawonye nâbo nibathimbileyo. 20Ngokunjalo ke hlambululani yonke into eyeyokunxiba, nayo yonke into eyenziwe ngofele, uboya bebhokhwe, okanye umthi.”
21Umbingeleli uElazare wathetha naloo madoda awayevela emfazweni, wathi: “Nantsi imimiselo enikelwe uMosis nguNdikhoyo. 22-23Uthe yonke into engatshiyo enjengegolide, isiliva, ubhedu, intsimbi, inkcenkce, okanye ilothe, mayihlanjululwe ngokufakwa emlilweni, ize ifakwe emanzini okuhlambulula. Izinto ezizezinye ke zona zohlanjululwa ngamanzi okuhlambulula kuphela. 24Ngosuku lwesixhenxe ke kofuneka nizihlambe iimpahla zenu; xa kunjalo ke noba nihlambulukile ngokusesikweni, nibe nako nokungena emzini.”
Ukwabiwa kwamaxhoba
25*UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: 26“Thatha uElazare neenkulu zezindlu zamaSirayeli, nibale yonke into eniyithimbileyo kunye namabanjwa nemfuyo. 27Onke amaxhoba lawo wahluleni kubini ngokulinganayo. Esinye isahlulo soba sesamajoni, esinye ke sibe sesebandla lonke. 28Kwisahlulo samajoni thathani umrhumo kaNdikhoyo; wona ke woba libanjwa elinye kwangamakhulu amahlanu. Nosebenzisa kwaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. 29Ezi zinto ke nozinika umbingeleli uElazare, zingumrhumo owodwa kaNdikhoyo. 30Ke kwisahlulo samaSirayeli thathani libe linye kumabanjwa angamashumi amahlanu, niqhube kwangaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. Ezi zinto ke zona zinikeni abaLevi abo balusa *isibingelelo.” 31UMosis noElazare ke bazenza zonke ezi zinto ngokwelizwi likaNdikhoyo.
32Nalu ke uludwe lwamaxhoba awathinjwa ngumkhosi xa ewonke: amakhulu amathandathu namashumi asixhenxe anantlanu amawaka eegusha neebhokhwe; 33amashumi asixhenxe anambini amawaka eenkomo; 34amashumi amathandathu ananye amawaka eedonki; 35namashumi amathathu anambini amawaka amantombazana kunye neentombi. 36Ke isahlulo samajoni saba ngamakhulu amathathu namashumi amathathu anesixhenxe samawaka namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe; 37waza ke umrhumo kaNdikhoyo wangamakhulu amathandathu anamashumi asixhenxe anantlanu. 38Zona iinkomo zangamashumi amathathu anesithandathu amawaka; aza ke amashumi asixhenxe anambini aba ngumrhumo kaNdikhoyo. 39Iidonki ke zona zazingamashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu; waza ke wona umrhumo kaNdikhoyo waba ngamashumi amathandathu ananye. 40Iintombi namantombazana zaba lishumi elinesithandathu lamawaka; umrhumo kaNdikhoyo ke waba ngamashumi amathathu anambini. 41Ngokomlomo kaNdikhoyo ke uMosis wawugqithisela kuElazare loo mrhumo uwodwa kaNdikhoyo.
42Ke isahlulo samaSirayeli sasifana, silingana neso samajoni: 43amakhulu amathathu anamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe; 44amashumi amathathu anesithandathu amawaka eenkomo; 45amashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu eedonki; 46kunye neshumi elinesithandathu lamawaka eentombi namantombazana. 47Kwesi sahlulo ke uMosis wathatha lalinye kumashumi amahlanu amabanjwa, ngokunjalo nakwimfuyo, wanika abaLevi ababesalusa isibingelelo ngokwelizwi likaNdikhoyo.
48Ke kaloku abaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela omkhosi baya kuxelela uMosis, 49bathi: “Mhlekazi, siwabalile amajoni ebesiphume nawo; akukho nalinye elingekhoyo. 50Nanku umnikelo ke ophuma kwizinto zegolide esizifumeneyo sonke ngabanye: imixhaka, iibhengile, imisesane, amacici, namaso. Sizinikela ukuba zibe sisicamagushelo sobomi bethu kuNdikhoyo.” 51Ke uMosis noElazare bayamkela loo golide; yonke ke yayizizihombiso. 52Uwonke ke loo mrhumo wabaphathi waba kwisituba samakhulu amabini eekhilogram ubunzima. 53Ke ijoni ngalinye lazithathela amaxhoba. 54Ngoko ke uMosis noElazare bayithatha igolide leyo, bayisa esibingelelweni, khon' ukuze ibe sisikhumbuzo samaSirayeli kuNdikhoyo.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 31: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy