YouVersion Logo
Search Icon

UZAKARIYA 13

13
Ukuhlanjululwa
1“Ngaloo mini indlu kaDavide nabemi baseJerusalem bovulelwa umthombo wokuhlambulula isono nokungcola.
2“Ngaloo mini ndowasusa amagama ezithixo elizweni, angabi sakhunjulwa mpela,” utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Ndiya kubasusa elizweni abashumayeli ndawonye nomoya ongcolileyo. 3Kothi ke, xa kukho nabani na osashumayelayo, uyise nonina abo bamzeleyo bothi kuye: ‘Ufanelwe kukufa, kuba uthetha ubuxoki egameni likaNdikhoyo.’ Ukuba ùthe washumayela ke wogwazwa ngunina noyise abamzeleyo.
4“Ngaloo mini *umshumayeli ngamnye woba neentloni ngombono wakhe xa ashumayelayo, angabi sayambatha ingubo yoboya ekhohlisa abantu. 5Ndaweni yaloo nto uya kusuka athi: ‘Andinguye umshumayeli; mna ndingumlimi. Lowo yaba ngumsebenzi wam oko ndabakho.’ 6Xa omnye embuza esithi: ‘Ngawani loo manxeba asemzimbeni?’ Wophendula athi: ‘Ngamanxeba endiwafumene endlwini yabahlobo bam.’ ”
Ukuchithakala komhlambi
7*UNdikhoyo onamandla onke uthi:
“Vuka, krelendini!
Vukelana nomalusi wam,
nditsho lo mfo usondeleyo kum.
Ewe, bulala umalusi;
iigusha ziya kuchithakala.
Ke mna ndosisa isandla sam ngaphezu kwezincinane.”
8Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Ehlabathini jikelele
isibini esithathwini
sobethwa siwe phantsi sife,
ke sona isinye esithathwini sisale.
9Isinye esithathwini ke eso
mna ndosifaka emlilweni,
ukuze sihlambuluke sibe nyulu
oku kwesiliva evavanyiweyo,
nditsho oku kwegolide enyibilikisiweyo.
Baya kulibiza igama lam,
ndize mna ndibaphendule.
Ndiya kuthi: ‘Bangabantu bam.’
Bona bathi: ‘UNdikhoyo nguThixo wethu.’ ”

Currently Selected:

UZAKARIYA 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy