YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 2

2
Udaba oluya e-Efese
1“Bhalela ummeli webandla lase-Efese, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uphethe iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesandla sokunene, ujikeleza phakathi kwezibane ezisixhenxe zegolide. 2Ndiyayazi indlela obusebenza ngayo ubulaleka, unenyameko. Ndiyazi ukuba akubanyamezeli abantu abakhohlakeleyo. Ubavavanyile abo babesithi *bangabathunywa bengengabo, wabafumanisa bengamaxoki. 3Ubunzima ubuthwele ngenyameko ngenxa yam, akoyiswa. 4Kodwa ke nantsi indawo ngakuwe: Akusandithandi njengoko wawundithanda ekuqaleni. 5Khawukhumbule indlela owawa bhaxa ngayo. Yahlukana nezono; qhuba ngendlela obuhamba ngayo ekuqaleni. Ukuba akuguquki, ndiya kuza ndisisuse isibane sakho endaweni yaso. 6Kambe ke nantsi indawo ekuthethelelayo: Imikhwa yamaNikolawo uyithiyile kanye njengam.
7“ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!
“ ‘Lowo woyisileyo ndomnika ilungelo lokutya kumthi wobomi osemyezweni kaThixo. ’ ”
Udaba oluya eSmirna
8“Bhalela ummeli webandla laseSmirna, uthi: ‘Nanga amazwi alowo ungowokuqala ukwangowokugqibela, owayefile wabuya wavuka: 9Ndiyayazi indlela ebenicinezeleke ngayo, nihlwempuzekile. Kodwa nizizityebi phezu koko. Ndiyayazi indlela ebenenyeliswa ngayo ngabo bazenza amaJuda – baligquba likaSathana! 10Nize ningayoyiki intshutshiso ezayo. Abanye benu umtyholi uza kubaphosa entolongweni, enivavanya. Nophatheka nzima iintsuku ezilishumi. Nize ninyaniseke kude kuse ekufeni. Ndonithwesa imbasa yobomi.
11“ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!
“ ‘Lowo woyisileyo akanako ukwenziwa nto kukufa kwesibini. ’ ”
Udaba oluya ePergama
12“Bhalela ummeli webandla lasePergama, uthi: ‘Olu daba luvela kulowo unekrele elibukhali elibaze macala. 13Ndiyayazi le ndawo uhlala kuyo: Kusebhotwe kwaSathana! Kodwa nakuba kunjalo awundilahlanga. Awuzange utyhafe undikhanyele, nangethuba kwakubulawa ingqina lam elithembekileyo uAntipas, apho kuloo dolophu yakho ilikhaya likaSathana. 14Kambe ke ndineendawana ezingandikholisiyo apha kuwe: Kwalapho kuwe bakho abasabambelele kwimfundiso kaBhalam. Kaloku yena ngulowa wafundisa uBhalaki ukulukuhla amaSirayeli. Wawakhuthaza ukuba atye ukutya okwenzelwe izithixo, arheletye. 15Ngokukwanjalo ke nalapho kuni bakho ababambelele kwimfundiso yamaNikolawo. 16Ngoko ke guquka, kungenjalo abo bantu ndiya kubahlasela ngekrele lomlomo.
17“ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!
“ ‘Lowo woyisileyo ndiya kumpha *imana efihliweyo. Ndiya kumnika nelitye elimhlophe apho kukrolwe igama elitsha elingaziwa mntu ngaphandle kwalowo lilelakhe.’ ”
Udaba oluya eTiyatire
18“Bhalela ummeli webandla laseTiyatire, uthi: ‘Nalu udaba oluvela kuNyana kaThixo, yena unamehlo alenya ngathi ngamadangatye omlilo, onyawo zimenyezela ngathi lubhedu olugudisiweyo. 19Ndiyasazi isimo sakho: unothando; uthembekile, ukhuthele, unomonde. Futhi ndiyaqonda ukuba ngoku uthath' unyawo kunakuqala. 20Kambe ke ndinendawo ngakuwe: Kaloku awumchasi uJezebhele, intokazi ethi *ingumshumayeli. Ngemfundiso yakhe izicaka zam uziwexulela ekurheletyeni nasekutyeni ukutya okwenzelwe izithixo. 21Nakuba ndimnikile ithuba lokuguquka ezonweni zakhe, akazimiselanga ukwahlukana nokurheletya. 22Ngoku ke ndiya kumphosa emandlalweni apho aya kuthi yena kunye nabo arheletya nabo bangcungcutheke. Le nto ndiza kuyenza; ngaphandle kokuba bangaguquka kule nkohlakalo bayenza kunye naye. 23Ndiya kubabulala abalandeli bakhe. Onke amabandla aya kuqonda ukuba mna ndiyazazi iingcinga neenjongo zabantu. Umntu ngamnye ndiya kumamkelisa ngokwezenzo zakhe.
24“ ‘Kodwa ke abanye benu apha eTiyatire khange bayingene le mfundiso. Aninamava ngale nto abanye bathi yimfihlelo kaSathana. Nina andiyi kunibeka xanduva lumbi. 25Kambe ke namathelani kuloo nto ninayo ndide ndifike. 26Lowo woyisileyo, ewe, onyamezeleyo ekwenzeni ukuthanda kwam kwada kwasesiphelweni, ndiya kumnika amagunya phezu kwezizwe. 27Uya kuzilawula ngentonga yentsimbi izizwe, azintlekeze njengezitya zodongwe. 28Loo magunya ndawathatha kuBawo. Nam ke ndiya kumnika ikhwezi lokusa.
29“ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”

Currently Selected:

ISITYHILELO 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy