YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 17

17
Intonga ka-Aron
1*UNdikhoyo wathi kuMosis: 2“Thetha namaSirayeli, uthathe iintonga zibe lishumi elinambini kwiinkokheli zakwaSirayeli; ibe nye intonga kwindlu nganye. Kwintonga yenkokheli nganye bhala igama layo, 3uze ubhale igama lika-Aron kwintonga yendlu kaLevi. Ngoko ke inkokheli yendlu nganye yoba nentonga yayo. 4Zithathe ezo ntonga, uye nazo *esibingelelweni, uzibeke phambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso apho ndidibana khona nani. 5Intonga yendoda endiyinyulileyo iya kuntshula amagqabi. Ngaloo ndlela ke ndiya kuluphelisa uzenge-zenge lwezikhalazo zamaSirayeli ngakuwe.”
6Ngenene ke uMosis wayalela amaSirayeli ukuba inkokheli nganye imnike intonga; zaza ke zenjenjalo. Inkokheli yendlu nganye yakhupha intonga; zaza ke zaba lishumi elinambini zizonke, neka-Aron ikwalapho. 7Xa zizonke ezo ntonga ke uMosis wangena nazo esibingelelweni, wazibeka phambi kukaNdikhoyo.
8Ngengomso ke uMosis akungena esibingelelweni wafumanisa ukuba intonga ka-Aron, emele indlu kaLevi, intshule amagqabi. Ewe, yantshula yanamathupha, yaza yavelisa neentyatyambo ngokunjalo neziqhamo zealmondi! 9UMosis ke wazithatha zonke ezo ntonga, waphuma nazo, wazibonisa amaSirayeli. Ke wona ayibona into eyenzekileyo, yaza ke yayileyo inkokheli yathatha eyayo. 10UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athathe intonga ka-Aron, ayibeke kwaphambi kwetyesi yomnqophiso. Watsho esithi mayigcinwe apho, khon' ukuze ibe sisikhumbuzo kumaSirayeli agwayimbayo, khon' ukuze ayeke ukukhalaza, hleze afe. 11UMosis ke wenza ngokwaloo myalelo kaNdikhoyo.
12AmaSirayeli ke athi kuMosis: “Xa kuyiloo nto ke sifile; kuphelile kuthi! 13Nomntu othe cakatha nje ukusondela esibingelelweni uza kufa. Ngaba ke siza kufa sonke?”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy