YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 15

15
Mayela namadini
1*UNdikhoyo wathi kuMosis 2makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba nifikile kwelo zwe ndininike lona ukuba libe lelenu, 3kungánikelwa ngenkomo, noba yigusha, okanye ibhokhwe, xa kusenziwa amadini ngomlilo, nokuba lidini elitshiswayo, nokuba lelinye idini elisisifungo, okanye elokuqhutywa yintliziyo, okanye elamathuba emibhiyozo. Amadini anje ke alivumba eliyolileyo kuNdikhoyo. 4Ke yena umntu owenzela uNdikhoyo idini elinjalo makathathe ikhilogram yomgubo wengqolowa oxutywe nelitha yamafutha omnquma, ukuze ube ngumnikelo wokutya, 5ngokunjalo ngesilwanyana ngasinye aphathe nelitha yewayini ibe ngumnikelo othululwayo. 6Xa kusenziwa idini ngenkunzi yegusha, mayihambe neekhilogram ezimbini zomgubo wengqolowa oxutywe nelitha enesiqingatha yamafutha omnquma ukwenzela umnikelo wokutya, 7ngokunjalo nelitha enesiqingatha yewayini engumnikelo othululwayo. Ivumba lamadini anje ke liyolile kuNdikhoyo. 8-9Kanti ke xa kusenzelwa uNdikhoyo idini elitshiswayo, noba lidini lesifungo, okanye idini lobudlelwana, inkunzi yenkomo mayihambe neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe neelitha ezimbini zamafutha omnquma, uze ube ngumnikelo wokutya, 10ngokunjalo neelitha ezimbini zewayini, zibe ngumnikelo othululwayo. Eli ke lidini lomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo.
11“Kuya kuqhutywa ngolu hlobo ke, kwinkunzi yenkomo nganye, inkunzi yegusha, noba lixhwane eliliduna legusha okanye elebhokhwe. 12Maze kwenziwe njalo ngedini ngalinye nokuba mangaphi. 13Onke amaSirayeli omthonyama makenjenje ke xa esenza idini ngomlilo, dini elo lileliyolileyo kuNdikhoyo. 14Nanini na xa owolunye uhlanga ophakathi kwenu esenza idini ngomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo, naye makahambe kwangale miqathango. 15Nakwizizukulwana ezizayo ke le miqathango soze ithini kumaSirayeli ngokunjalo nakubangeneleli. Kaloku ngokukaNdikhoyo akukho mahluko phakathi kwenu neentlanga. 16Ewe, le mithetho nale miqathango inibandakanya nonke.”
17UNdikhoyo wathi kuMosis 18makathethe namaSirayeli, athi: “Nakufika kwilizwe endinisa kulo, 19xa nisitya ukutya kwelo zwe, maze ninikele inxalenye kuNdikhoyo. 20Kwisivuno sengqolowa iqebengwana lokuqala malinikelwe libe ngumnikelo wesivuno. 21Apha ke nakwixa elizayo noqhuba njalo nenze umnikelo kuNdikhoyo womgubo wesivuno sokuqala.”
Amadini ezono zempazamo
22Waqhuba wathi *uNdikhoyo: “Xa kwenzekile ukuba umntu othile ayaphule ngempazamo le miyalelo inikwe uMosis nguNdikhoyo, 23mhlawumbi kwenzeke ukuba izizukulwana ezizayo zamaSirayeli ziyiphazame ngokungaqondi le miyalelo, koqhutywa ngolu hlobo: 24Ukuba loo mpazamo yenzeke ngokungaqondi kwebandla liphela, kofuneka kuthathwe inkunzi eselula yenkomo, kwenziwe idini elitshiswayo ngayo – dini elo ke lithandekayo kuNdikhoyo – likhatshwe ngokomgaqo ngumnikelo wokutya nothululwayo, kongezwe nenkunzi yebhokhwe, ibe lidini lesono. 25Ngezi zinto umbingeleli uya kucamagushela ibandla lamaSirayeli, lize lixolelwe. Kaloku impazamo leyo yeyokungaqondi, ibe ke futhi elenzile idini ngomlilo elikwalidini lesono. 26Ibandla liphela ndawonye nabangeneleli baya kuxolelwa, kuba kaloku xa bebonke iyababandakanya le mpazamo.
27“Xa umntu one ngempazamo, makenze idini lesono ngethokazi lebhokhwe elinyaka mnye. 28Umbingeleli uya kumngxengxezela phambi koNdikhoyo loo mntu wone ngempazamo, aze ke axolelwe. 29Koqhutywa ngaloo ndlela ke nakubani na owone ngokungaqondi, noba ngowomthonyama, okanye umngeneleli.
30“Kambe ke yena umntu owone ngabom, engowomthonyama okanye umngeneleli, woba netyala lokunyelisa uNdikhoyo. Ngoko ke makabulawe, 31kuba akalikhathalelanga ilizwi likaNdikhoyo, waza wawaphula umyalelo wakhe ngabom. Xa kunjalo ke woba uzenzakalise ngokwakhe.”
Umntu osebenza ngoMhla wokuPhumla
32Ngamhla uthile amaSirayeli eselapho entlango kwabhaqwa umntu etheza *ngoMhla wokuPhumla. 33Wabanjwa wasiwa kuMosis noAron nebandla liphela. 34Waza wakhe wavalelwa, kuba ingekacaci into emayenziwe ngaye. 35*UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi: “Makabulawe! Ibandla liphela malimkhuphele ngaphandle komzi, limxulube ngamatye ade afe.” 36Ngoko ke amaSirayeli ephela amkhuphela ngaphandle, amkhanda ngamatye wada wafa ngokomyalelo kaNdikhoyo.
Mayela neentshinga
37*UNdikhoyo ke wathi uMosis 38makathethe namaSirayeli, athi: “Nanini na fakani iintshinga kumasondo eempahla zenu. Intshinga nganye ke mayibe nomtya omzuba. 39Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu. 40Zona ziya kuhlala zinikhumbuza ukuthobela imiyalelo yam; nize ke ngokwenjenjalo nibe libango lam ncam. 41Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wenu, owanikhupha kwelaseJiputa, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu. Ngenene mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu!”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy