YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 1

1
Umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu
(Luka 3:23-38)
1Nanku umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.
2UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo; 3uJuda wazala uPerezi noZera, abanina wabo unguTamare; uPerezi wazala uHezeron; uHezeron wazala uAram; 4uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalman; 5uSalman wazala uBhowazi, onina unguRahabhi; uBhowazi wazala uObhedi, onina unguRute; uObhedi wazala uJese; 6uJese wazala uDavide ukumkani.
UDavide wazala uSolomon, onina wayengumka-Uriya; 7uSolomon wazala uRewobhowam; uRewobhowam wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa; 8uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya; 9u-Uziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya; 10uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya; 11uYosiya wazala uJoyakin nabantakwabo ngemihla yokufuduselwa kwabo eBhabheli.
12Emva kokufuduselwa kwabo eBhabheli uJoyakin wazala uShalatiyeli; uShalatiyeli wazala uZerubhabheli; 13uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore; 14uAzore wazala uZadoki; uZadoki wazala uAkim; uAkim wazala uElihudi; 15uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi; 16uYakobi wazala uJosefu, umyeni kaMariya, unina kaYesu, lo kuthiwa *nguKrestu.
17Izizukulwana bezilishumi elinane ukususela kuAbraham kuye kuDavide; zilishumi elinane ukususela kuDavide kuye ekufuduselweni kwabo eBhabheli; zikwalishumi elinane ukususela ekufuduselweni kwabo eBhabheli kuye ekuzalweni kukaKrestu.
Ukuzalwa kukaYesu Krestu
(Luka 2:1-7)
18Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima. 19Ke uJosefu, umyeni wakhe, wayelilungisa, engafuni ukumhlaza uMariya, waza wazimisela ukumala ngasese. 20Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele. 21Úya kuzala unyana, ùmthiye igama *elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.”
22Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa *ngumshumayeli, esithi: 23“Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).
24Akuvuka ebuthongweni uJosefu, wênza njengoko isithunywa seNkosi besitshilo kuye, wamthatha uMariya, waba ngumfazi wakhe; 25kodwa akahlangananga naye de wamzala unyana wakhe. UJosefu ke wamthiya igama elinguYesu.

Currently Selected:

UMATEWU 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy