YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 20

20
Izixeko zokuphephela
1*UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: 2“Thetha namaSirayeli, uthi ndithi makalathe izixeko zokuphephela endandixelele uMosis ngazo. 3Zoba ziindawo ekubalekela kuzo abantu abathe babulala omnye ngengozi okanye ngempazamo. Yoba ziindawo zokuzimela kwimpindezelo yezizalwana zaloo mntu ubuleweyo. 4Umntu oye kuzimela kwezo zixeko kufuneka anike inkcazelo ngesenzo sakhe enkundleni kumadoda amakhulu esangweni leso sixeko. Ngawo aya kumamkela amnike indawo yokuhlala phakathi kwawo. 5Xa umphindezeli athe walandela ekhondweni lalowo ubalekele apho, wona akasayi kumnikezela kuye – kaloku wambulala ngengozi umfi, bengazange baxabana ngaphambili. 6Umbulali angahlala apho kweso sixeko de kufike umhla wokuvavanywa kwetyala ngumzi. Akuba eswelekile umbingeleli omkhulu angabuyela ke kwisixeko sakowabo awayebaleke kuso.”
7Kwatyunjwa iKedeshe eGalili kweleentaba lakwaNafetali, neShekem kweleentaba lakwaEfrayim, kunye neKiriyati-arba (yiHebron ke leyo) kweleentaba lakwaJuda. 8Kumphesheya-Jordan ongasempuma yeJeriko kwatyunjwa ezi zixeko: kwisizwe sakwaRubhen yaba yiBhezere ekumathafa asentlango, kwisizwe sakwaGadi yaba yiRamoti eseGiliyadi, yaza kwaManase yaba yiGolan eBhashan. 9Zizo ke ezo izixeko ekwakunokuphephela kuzo nawuphi na umSirayeli okanye umngeneleli ohlala phakathi kwamaSirayeli. Injongo yazo yayikukuzimelisa umntu obulele omnye ngengozi, ukwenzela ukuba ze kungabikho mntu ubulawayo sisizalwana somfi engekemi enkundleni yamatyala ngaphambi kwebandla.

Currently Selected:

UYOSHUWA 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy