YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 10

10
Ukoyiswa kwama-Amori
1UAdoni-zedeki ukumkani waseJerusalem weva ukuba uYoshuwa wayithimba iAyi wayitshabalalisa, waza nekumkani yalapho wayibulala kanye njengoko wayenzile naseJeriko nakukumkani walapho. Weva nokuba amaGibheyon anqophisene namaSirayeli, yaye ngoku ahlalisana nawo ngoxolo. 2Abemi baseJerusalem yabaxhalisa kakhulu le meko, kuba kaloku iGibheyon yayisisixeko esibalulekileyo esilingana nezinye ezingamaziko olawulo. IGibheyon le yayingaphezulu kweAyi, nomkhosi wakhona unamagorha amadoda. 3Ngoko ke ukumkani uAdoni-zedeki wathumela izigidimi kukumkani uHoham waseHebron, nakukumkani uPiram waseYamuti, nakukumkani uYafiya waseLakishe, nakukumkani uDebhiri wase-Eglon, esithi: 4“Khanize kundincedisa siyihlasele iGibheyon, kuba amaGibheyon enze uxolo noYoshuwa namaSirayeli.” 5Zasuka ke ezi kumkani zintlanu zama-Amori – eyaseJerusalem neyaseHebron, eyaseYamuti neyaseLakishe kunye neyase-Eglon – zahlanganyela iGibheyon, zayihlasela.
6Amadoda aseGibheyon athumela isigidimi kuYoshuwa esikhululweni eGiligali, esithi: “Nceda ungasiyekeli thina zicaka zakho. Khawuleza uze kusinceda usisindise, kuba iinkosi zonke zama-Amori asezintabeni zisihlanganyele; ziyasihlasela.”
7Wesuka kwangoko eGiligali uYoshuwa namagorha onke omkhosi wakhe. 8Waza *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uze ungaboyiki. Sendibanikele esandleni sakho. Akukho nanye kwezo kumkani enokumelana nawe.” 9UYoshuwa nomkhosi wakhe wahamba ubusuku bonke ukusuka eGiligali besiya eGibheyon, bafika bawaqubula ama-Amori. 10UNdikhoyo wawenza adideka ama-Amori ukufika komkhosi wamaSirayeli. AmaSirayeli abaswantsulisa eGibheyon, abasukela ukunyuka inkalo yaseBhete-horon ukubheka eAzeka naseMakeda. 11Ngeli xesha babaleka amaSirayeli ukuhla ithambeka, uNdikhoyo wabatyhumfuza ngesichotho konke ukwenjenjeya ukuya eAzeka. Abaninzi bafa sisichotho ngaphezu kokubulawa ngamaSirayeli.
12Ngaloo mhla uNdikhoyo amaSirayeli wawoyisela ngawo ama-Amori uYoshuwa wabhekisa kuNdikhoyo phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi:
“ ‘Langa, yima phezu kweGibheyon.
Wena nyanga, yima phezu kwentili iAyalon.’
13Lema bhunxe ilanga,
nenyanga nayo ayahamba,
kwada kwaba aloyisile utshaba amaSirayeli.”
Oku kwenzeka njengoko kuxeliwe kwiNcwadi kaYashare. Ilanga lema bhunxe embindini wesibhakabhaka, alakhawuleza ukutshona isithuba esingangemini iphela. 14Akuzange kubekho umhla onjalo ngaphambili. Nangasemva koko awuzange ubekho konke umhla awathi uNdikhoyo waliphulaphula ilizwi lomntu. Wawalwela ke khona uNdikhoyo amaSirayeli!
15Emva kwedabi uYoshuwa nomkhosi wakhe babuyela esikhululweni eGiligali.
UYoshuwa ubulala ookumkani bama-Amori
16Ookumkani bama-Amori baphuncula bobahlanu, baya kuzimela emqolombeni eMakeda. 17Babhaqwa, waza waxelelwa apho bakhoyo uYoshuwa. 18Wathi: “Qengqelani amatye amakhulu, nivale ngawo umlomo womqolomba, nize nishiye amadoda okulinda. 19Ke nina ze ningahlali apho, koko lusukeleni utshaba, ningaluvumeli lubalekele ezixekweni zalo. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu selebanikele ezandleni zenu.” 20Umkhosi kaYoshuwa waluswantsulisa utshaba, kambe abambalwa babaleka bade baya kungena ezixekweni ezinqatyisiweyo zakomawabo, basinda. 21Abuya onke amadoda omkhosi kaYoshuwa, ehamba ngoxolo, aya esikhululweni esasiseMakeda, kungekho nto inokuwaphazamisa.
22UYoshuwa wathi: “Wuvuleni umqolomba, nizizise kum zontlanu ezo kumkani.” 23Wavulwa ke umqolomba, zaza zasiwa kuYoshuwa iikumkani zaseJerusalem, eHebron, eYamuti, eLakishe, nase-Elon. 24UYoshuwa wawabiza ke onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi-mkhosi: “Yizani apha nizinyathele entanyeni ezi kumkani.” Benjenjalo, 25wathi ke uYoshuwa: “Nize ningoyiki ninkwantye! Yomelelani nikhaliphe! Yiyo le into aza kuyenza uNdikhoyo kuzo zonke iintshaba zenu enilwa nazo.”
26UYoshuwa wazixabela ke ezo zikumkani, wathi mazixhonywe emithini emihlanu. Zajinga apho ke kwada kwaba ngorhatya. 27Kwathi ngongcwalazi uYoshuwa wayalela ukuba zithulwe izidumbu zazo. Zaphoswa kwakuloo mqolomba bezizimele kuwo, kwavalwa ngamatye amakhulu apho. Aselapho unanamhla.
UYoshuwa uthimba ummandla ongezantsi wama-Amori
28Kwangaloo mini uYoshuwa wahlasela iMakeda, wayithimba kwakunye nekumkani valapho. Kwabulawa wonke ubani kweso sixeko, akwasala namnye. Kwikumkani yaseMakeda wenza kwalaa nto wayeyenze kukumkani waseJeriko.
29Ukusuka kwabo eMakeda uYoshuwa nawo onke amaSirayeli badlulela eLibhena, nayo bayihlasela. 30Nalapho *uNdikhoyo wasinikela isixeko nokumkani waso ezandleni zamaSirayeli. Abulala wonke ubani apho, akashiya mntu. Nalapho kukumkani uYoshuwa wenza eso saseJeriko.
31Basuka eLibhena ooYoshuwa, baya eLakishe, bayingqinga, bayihlasela. 32UNdikhoyo wayinikezela iLakishe ezandleni zamaSirayeli, waza uYoshuwa wangena kuyo ngosuku lwesibini. Isixeko nabo bonke abakuso wasitshabalalisa njengoko wênjenjalo eLibhena. 33Kweza ukumkani uHoram waseGezere, ezokunceda amaLakishe, wachithwa kunye nomkhosi wakhe, babulawa bonke, akwasala nempunde le.
34UYoshuwa nomkhosi wakhe basuka eLakishe baya e-Eglon, bafika bayingqinga, bayihlasela. 35Bayoyisa kwangaloo mini, babulala wonke umntu apho, baxelisa eLakishe.
36UYoshuwa namaSirayeli onke bemka eLakishe, baya eHebron, bafika bayihlasela 37bayoyisa kwangaloo mini. Babulala ukumkani walapho, nabantu bonke beso sixeko, kwakunye nabeelali ezimelene naso. Wathi masitshatyalaliswe eso sixeko uYoshuwa, kanye njenge-Eglon. Akuzange kusinde mntu apho.
38Baphethuka apho, babheka eDebhiri. Bafika bayihlasela, 39bayoyisa, kunye nokumkani wayo, neelali ezimelene nayo. Kwatshatyalaliswa ukumkani naye wonke umntu owayelapho, akwasala namnye. Nalapho wenza kwaesaseLibhena nesaseHebron.
40UYoshuwa wabatshabalalisa bonke abemi belo zwe. Abantu ababemi kweleentaba, emathambekeni ngasempumalanga, kumazants' eentaba zasentshona, kwakunye nabo babemi kwimimandla yentlango ngasemazantsi, neekumkani zabo bonke. Wayethatha phambi konyawo atshayele yonke into ephefumlayo, ngokomyalelo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. 41Waloyisa ukusukela eKadeshe-bhaneya emazantsi, kuse eGaza ngaselwandle, nawo wonke ummandla waseGeshon, kuse eGibheyon emantla. 42Le mimandla yonke uYoshuwa wayoyisa ephume umkhosi isihlandlo sasinye, kuba kaloku wayesilwelwa nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli. 43Babuyela kwasesikhululweni eGiligali ooYoshuwa nomkhosi wakhe.

Currently Selected:

UYOSHUWA 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy