YouVersion Logo
Search Icon

UHABHAKUKI 2

2
UNdikhoyo uphendula uHabhakuki
1Ndophuma ndime emboniselweni yam,
ndothi ngxishi phaya enqabeni,
ndibonisele ndive oko akuthethayo kum,
nempendulo yakhe kwisimangalo sam.
2*UNdikhoyo undiphendule esithi:
“Wubhale lo mbono –
wukrole ngokucacileyo emacwecweni,
ube nokufundwa nangogqitha ebaleka.
3Lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo,
kwaye uxhinele ixesha lesiphelo,
ibe ke awuyi kuphosisa.
Noba ngathi uyalibazisa, wulindele;
ewe, uya kufika ngokuqinisekileyo ungenakuthintelwa nto.
4“Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.
5Yona iwayini iyakhohlisa;
umntu imenza azidle angazinzi.
Sisinyolu-nyolu esikhamise njengengcwaba,
nqwa nokufa soze ahluthe,
nokuba uzihlanganisela kuye zonke iintlanga,
azibuthele kuye izizwe zonke.
6“Abazi kuphoxisa ngaye kodwa,
bahlekise ngaye bemenza isigculelo,
besithi: ‘Mawoo ke, maqokelel' okungekuko okwakho,
wena ozityebisa ngokuphanga impahla ekubanjiswe ngayo!
Yaz'ba koda kube nini na kunje?’
7Abanamatyala kuwe bosuka bakuvukele ngequbuliso;
bokujikela bakutsho ungcangcazele,
ibe nguwe kanye lowo uphangwayo.
8Kaloku uxhaphaze izizwe ezininzi;
wena ke woxhatshazwa ngamasalela azo.
Kaloku uliphalazile igazi lomntu;
ewe, uyitshabalisile imihlaba,
wabhuq' iidolophu nabemi bazo.
9“Mawoo kowakha umzi ngenzuzo yobuqhophololo,
ayimise indlu yakhe kwiindawo eziphezulu
ukuze asinde nakweyiphi inkxwaleko.
10Uzifuthele imbubho izizwe ezininzi,
nkqu nendlu yakho wayigalela ngehlazo,
wabeka ubomi bakho esichengeni.
11Amatye odonga osuka abhomboloze,
imiqadi yophahla ithelele.
12“Mawoo kowakha isixeko ngokuphalaza igazi,
kulowo useka iidolophu ngobugwenxa!
13Akatshongo na uNdikhoyo uSomandla
ukuthi imigudu yeentlanga lilifa lomlilo?
Nezizwe ke zifumana zibulaleka.
14Ke wona umhlaba uya kuphuphuma kukubuqonda ubungangamsha bukaNdikhoyo,
okwamanzi agubungele ulwandle.
15“Mawoo ububi bomntu oseza ummelwane wakhe,
lowo umkhelela utywala kumphanda wakhe,
amseze ade ayayatheke kukunxila,
aze ke abukele ihlazo lobuze bakhe.
16Uya kugutyungelwa lihlazo, ingebubo ubungangamsha.
Nawe sela unxile ugxadazele.
Iyahamba ibhekile yomgwebo kaNdikhoyo;
yofika nakuwe,
ubungangamsha bakho bugutyungelwe lihlazo.
17Ugonyamelo olwenze eLebhanon lokufikela;
uya kunkwantya yimbubho oyenzele izilwanyana.
Kaloku uliphalazile igazi labantu;
ewe, uyitshabalalisile imihlaba,
wabhuq' iidolophu nabemi bazo.
18“Unaxabiso lini umfanekiso,
into eqingqwe yingcibi?
Sinceda ntoni isithixo esifundisa inkohliso?
Umenzi waso uqamela ngobuchule,
aze enze into engathethiyo.
19Mawoo kothi emthini: ‘Vuka!’
othetha nelitye elifileyo, athi: ‘Phakama!’
Ungakufundisa ntoni umfanekiso,
into etyatyekwa ngegolide nesiliva?
Hayi, ayinamphefumlo tu!
20Ke yena uNdikhoyo usendlwini yakhe engcwele;
malithi cwaka phambi kwakhe lonke ihlabathi.”

Currently Selected:

UHABHAKUKI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy