YouVersion Logo
Search Icon

EYEZIQALO 3

3
Ukuwa koluntu
1Inyoka yayisesona sidalwa sinobuqhetseba kunazo zonke izidalwa *zikaNdikhoyo uThixo. Yambuza umfazi inyoka yathi: “Ngaba kuyinyani na ukuba uThixo uniyalele ukuba ningatyi kuyo yonke imithi ekulo myezo?”
2“Hayi, singatya nakuwuphi na umthi osemyezweni,” utshilo umfazi ukuphendula. 3“Ngumthi ophaya esidikidikini somyezo qha esingenakutya kuwo. UThixo uthe maze singazityi iziqhamo zawo, singaziphathi nokuziphatha oku, ukuba asifuni kufa.”
4Ithe ukuphendula inyoka: “Hayi, anisoze nife. 5Nto nje uyazi uThixo ukuba xa nizityileyo iziqhamo zawo novuleka amehlo, nibe njengaye, nikwazi ukucalula okuhle kokubi.”
6Watsho waqonda umfazi ukuba singamnandi eso siqhamo: siyanqweneleka, yaye sifanele ukunika ulwazi. Wakha, watya; wanika nomyeni wakhe owayekho, naye watya. 7Bathi bakugqiba ukutya kwatsho kwee dlwe, avuleka amehlo, baziqonda ukuba bahamba ze. Bathunga amagqabi omkhiwane, bazambhathisa.
8Emva koko beva isandi sokuhamba kukaThixo uNdikhoyo emyezweni ukujika kwelanga. Bazimela ematyholweni emyezweni apho. 9UNdikhoyo uThixo wayibiza indoda, wathi: “Ùphi?”
10Yaphendula yathi: “Ndive isandi sokuza kwakho, ndaza ndoyika ndazimela, kuba ndihamba ze.”
11Uthe uThixo: “Ùve ngabani ukuba uhamba ze? Utyile kulaa mthi bendithe uze ungatyi kuwo?”
12Ithe indoda ukuphendula: “Ngulo mfazi ùndinike yena lo úndiphileyo, nam ke ndatya.”
13UNdikhoyo uThixo wambuza umfazi esithi: “Ùyenzele ntoni into enje?”
Uphendule umfazi wathi: “Ndikhohliswe yinyoka, nam ke ndatya.”
UThixo uwisa isohlwayo
14*UNdikhoyo uThixo uthe kuyo inyoka:
“Ngenxa yesi senzo uqalekisiwe wena kuzo zonke izilo.
Ukususela ngoku uya kurhubuluza ngesisu,
utye uthuli bonke ubomi bakho.
15Ndiza kudala ubutshaba phakathi kwakho nomfazi.
Inzala yakho neyakhe ziya kuhlala zithiyene.
Yona yokucumza intloko;
wena woyiluma isithende.”
16Waza wathi kuloo mfazi:
“Wena uza kuthwala ubunzima ngakumbi xa ukhulelwe,
udliwe yinimba xa uzalayo.
Noko kunjalo umyeni wakho ùya kumlangazelela,
lo gama ayinkosi yakho.”
17Uthe endodeni uThixo:
“Wena uve umkakho,
watya kumthi ebendithe kuwe uze ungatyi kuwo.
Ngenxa yento oyenzileyo ke
úqalekisiwe ngoku umhlaba.
Ùya kusebenza nzima bonke ubomi bakho,
ukuze umhlaba uvelise ukutya.
18Kohluma ukhula nenkunzane.
Uya kufa yindlala, utye umfino.
19Uya kutya ukubila kwakho
ude ubuyele kwakuloo mhlaba wawuthathwe kuwo.
Wênziwa ngomhlaba;
ke uya kubuya ube ngumhlaba.”
20UAdam wamthiya igama umkakhe, wathi nguEfa, kuba kaloku luzalwa nguye lonke uluntu. 21UNdikhoyo uThixo wabenzela izambatho zesikhumba senyamakazi, wabambesa zona ooAdam noEfa.
Ukugxothwa kuka-Adam noEfa emyezweni
22Wathi ke *uNdikhoyo uThixo: “Umntu ngoku unjengathi, uyakwazi ukucalula okuhle kokubi. Kuya kuthini ke xa athe wakha, watya kumthi wobomi, aze aphile angaze afe?” 23UNdikhoyo uThixo wamgxothela ngaphandle komyezo umntu, wamenza umlimi womhlaba avele kuwo. 24Kwicala elingasempumalanga lomyezo uThixo wabeka *izithunywa ezimaphiko nekrele elidangazelayo, elijika-jika lijonge kwiimbombo zonke. Zazilinde ukuba kungabikho bani usondelayo kumthi wobomi.

Currently Selected:

EYEZIQALO 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy