YouVersion Logo
Search Icon

UHLAZIYO-MNQOPHISO 33

33
UMosis uthamsanqela amaSirayeli
1Phambi kokuba afe, uMosis, umfo wakwaThixo, amaSirayeli wawathi jize ngezi zithamsanqeliso:
2“Kwintaba iSinayi gqi qhaphu *uNdikhoyo;
njengelanga wathi gqi kwaEdom.
Wabengezela evela kwiintaba zeParan;
wavela enamawaka-waka ezithunywa zakhe,
kudangazela okomlilo ngasekunene kwakhe.
3Hayi ukubathanda kwakho abantu bakho!
Ewe, uyabafumbatha bonke abalibango lakho.
Kungoko basuka bathi guqaqa ezinyaweni zakho,
bethobela umnwe wakho,
4mhla uMosis wabanika umthetho,
olibango lebandla likaSirayeli.
5Wena Ndikhoyo waba ngukumkani kaYeshurun,
zakuba zihlanganisene iinkokheli zabantu,
zakuba ziqukene izizwe zakwaSirayeli.”
6Wasuka ke uMosis wathetha ngoRubhen, wenjenje:
“URubhen makahlal' ehleli angaze atshitshe,
nakuba engengakanani ngamanani.”
7NgoJuda wathi:
“Kambe ke, wena Ndikhoyo,
bek' iindlebe umphulaphule uJuda,
ubuye ummanye namawabo.
Yena wazilwela ngezo zandla zakhe, Ndikhoyo,
ke ngoko msize ezintshabeni zakhe.”
8NgoLevi wathi:
“Ndikhoyo, *iiurim neethumim otyhila intando yakho ngazo,
zezentandane yakho uLevi,
yena lowo wamvavanyayo eMasa,
owabambana naye emanzin' aseMeribha.
9Ngoyise nonina wathi: ‘Andiseva ngani.’
Ngabantakwabo wathi: ‘Andinazi.’
Ngabantwana bakhe wathi: ‘Andisenanto nani.’
Ewe, yena wanonophela ilizwi lakho,
wanyaniseka kumnqophiso wakho.
10Uya kufundisa uSirayeli imimiselo yakho,
ayale abantu ngomyalelo wakho.
Uya kwenza isiqhumiso phambi kwakho,
anikele namadini atshiswayo eqongeni lakho.
11Ndikhoyo, nceda umthi jize ngokomelela,
waneliseke ngumsebenzi awenzayo.
Ke bona abamvukelayo bavikive;
abamthiyayo mabangaze babuye bavele.”
12NgoBhenjamin wathi:
“UNdikhoyo uyamthanda uBhenjamin;
yena usoloko emalusile.
Uhlala ekhuselekile imini yonke;
yena umi phantsi kwephiko lakhe.”
13NgoJosefu wathi:
“Ke lona ithamsanqa likaNdikhoyo likwaJosefu;
umhlaba wakhe mawunyakamiswe yimvula
nangamanzi emithombo ampompoza phantsi komhlaba.
14Ilanga nenyanga mazimchumise,
ziwulize ngeyona-yona mveliso.
15Iintaba zamandulo mazivathe iziqhamo;
iinduli zamhlamnene maziphuphume imveliso.
16Umhlaba wakhe mawuvelise eyona-yona;
uthamsanqelwe kukulunga kukaNdikhoyo
owayekho etyholweni elivuthayo.
La mathamsanqa makavele kwaJosefu,
yena olitshawe phakathi kwabantakwabo.
17UJosefu nkunzi yakwabani ukomelela,
emise okwenyathi –
mpondo ezo zizezamawaka akwaManase
namashumi amawaka akwaEfrayim.
Ngazo uhlabanisela izizwe;
ewe, nezo ziseziphelweni zehlabathi.”
18NgoZebhulon noIsakare wathi:
“KwaZebhulon makube yimihlali ukucanda elwandle;
kwaIsakare makube yimivuyo ukuhlala ekhaya.
19Izizwe bozimemela entabeni yabo,
bawenzele apho amadini afanelekileyo.
Bona bamfimfitha indyebo yaselwandle,
ubutyebi babo babubhaqe elunxwemeni.”
20NgoGadi wathi:
“Makabongwe owandisa uGadi.
UGadi ubuthuma njengengonyama
ukuze aqwenge ingalo noba lukhakhayi.
21Yena uzikhethela ezona-zona elizweni,
kuba wabelwa inxaxheba yengqwayi-ngqwayi.
Umela ubulungisa nemimiselo kaNdikhoyo,
zakuba zihlanganisene iinkokheli zakwaSirayeli.”
22NgoDan wathi:
“Ke yena uDan ligatyana lengonyama
elithi tsi liphuma eBhashan.”
23NgoNafetali wathi:
“Yena uNafetali wamkelekile;
uphuphuma intsikelelo kaNdikhoyo.
Ilifa lakhe lisuka elwandle lihle.”
24NgoAshere wathi:
“UAshere yena unoyolo kunabo bonke;
makabe yintandane kubantakwabo,
umhlaba wakhe uchume ngumnquma.
25Imivalo yakhe mayibe yintsimbi nobhedu;
angaze aswele mandla esaphila.”
26“Yeshurun, akakho onjengoThixo wakho,
ophalisa isibhakabhaka eze kukusiza,
ngobungangamsha bakhe aphalise amafu.
27Kwamandulo uThixo yena waba likhaya;
waba soloko ekuxhasa ngezo ngalo zakhe.
Iintshaba zakho waziswantsulisa,
wathi: ‘Mazitshatyalaliswe!’
28Ngoko ke uSirayeli uhleli ngenzolo,
umthombo kaYakobi uthe geqe,
uthe gcobho kwelengqolowa newayini,
apho izulu lifefeza umbethe.
29Hay' uyolo onalo wena, Sirayeli!
Nguban' ongad' afike kuwe, sizwendini sasindiswa nguNdikhoyo,
okwalikhakha nekrele lakho,
okuhlanganiselayo akuthi jize ngoloyiso?
Neentshaba zakho zitsho zikubongoze,
wena uthimbe iindawo zazo eziphakamileyo.”

Currently Selected:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 33: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy