YouVersion Logo
Search Icon

2 KASAMWELI 2

2
UDavide ngukumkani wakwaJuda
1Emva koko uDavide wabuzisa *kuNdikhoyo wathi: “Ndingaya kuhlala na kwesinye sezixeko zakwaJuda?”
UNdikhoyo wathi: “Yiya.”
Wabuza uDavide wathi: “Mandiye phi?”
Wathi uNdikhoyo: “Yiya eHebron.”
2Wahamba ke uDavide kunye nabafazi bakhe ababini uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli owayengumhlolokazi kaNabhali waseKarmele. 3Wahamba nawo amadoda akhe uDavide, aya kuhlala neentsapho zawo kummandla waseHebron. 4Afika ke amadoda akwaJuda, eze kumthambisa uDavide apho eHebron ukuba abe ngukumkani wakwaJuda.
Zithe zakufika kuDavide iindaba zokuba abantu baseJabheshe eGiliyadi bamngcwabile uSawule, 5wathumela izigidimi kubo, wathi: “Wanga uNdikhoyo anganithamsanqela ngesenzo esihle sokubonakalisa intembeko ngokungcwaba inkosi yenu uSawule. 6Ubenga uNdikhoyo anganiphatha ngobubele nangokunyaniseka. Nam ke ndiza kuniphatha kakuhle ngenxa yale nto niyenzileyo. 7Ze niqine, ningoyiki ngenxa yokuba inkosi yenu uSawule ingasekho. Abantu bakwaJuda bandithambisile ndaba ngukumkani wabo.”
UIshbhoshete ngukumkani wakwaSirayeli
8Umphathi wemikhosi kaSawule uAbhinere, unyana kaNere, wabaleka nonyana kaSawule uIshbhoshete, waya naye eMahanayim ngaphesheya kweJordan. 9Wafika apho uAbhinere wamisela uIshbhoshete waba ngukumkani ophethe imimandla yaseGiliyadi, kwa-Ashere, eYizereli, kwaEfrayim, nakwaBhenjamin, nditsho elakwaSirayeli liphela. 10Waba ngukumkani xa emashumi mane ubudala uIshbhoshete unyana kaSawule, walawula iminyaka yamibini.
Isizwe sakwaJuda sona sasiphantsi kukaDavide. 11Wasilawula ehlala eHebron iminyaka yaba sixhenxe neenyanga ezintandathu.
Idabi phakathi koSirayeli noJuda
12Kwasuka uAbhinere eMahanayim, ehamba namaphakathi kaIshbhoshete, baya kwidolophu iGibheyon. 13Ngasechibini laseGibheyon bahlangana noJowabhi, owayezalwa nguZeruya. UJowabhi wayehamba namanye amaphakathi kaDavide. Bahlala phantsi bonke, elinye iqela likweli cala lechibi, elinye likweliya.
14Wavakala uAbhinere esithi kuJowabhi: “Makhe sithelekise abafana, bakhuphisane ngokulwa sibukele.”
UJowabhi wathi: “Kulungile, mabenze!”
15Kwasuka ishumi elinambini labafana limele uIshbhoshete unyana kaSawule ngakwicala lakwaBhenjamin, baqubisana neshumi elinambini labafana becala likaDavide. 16Umfana ngamnye wayebamba lowo akhuphisana naye entloko, amgwaze ngekrele ephangweni. Loo nto ke yatsho bafa kunye bonke. Loo ndawo ke eGibheyon kuthiwa yiHelekati-hazurim.
17Kwavuka idabi elibi ngaloo mini, uAbhinere neqela lakwaSirayeli boyiswa ngamadoda ecala likaDavide.
18Babelapho oonyana abathathu bakaZeruya: uJowabhi, noAbhishayi, kunye noAsayeli. Yayingengomendu kuAsayeli, wayeyimbabala. 19Wasuka wangqala ngqo ngoAbhinere emleqa. 20Akuthi krwaqu ngasemva uAbhinere wabona uAsayeli, wathi: “Ingaba nguwe lowo, Asayeli?”
“Ndim kanye,” utshilo uAsayeli.
21UAbhinere wathi: “Sukusukela mna, mfondini. Leqa, naliya ijoni, uthathe amaxhoba lawo liwaphetheyo.” Akayihoyanga loo nto yena uAsayeli, wasuka wee ngcembe emva koAbhinere.
22Uphindile uAbhinere wathi kuAsayeli: “Mfondini, ndithi ndiyeke; sukundisukela. Ufuna ndide ndikwenzakalise? Khona ndingajongana njani nomntakwenu uJowabhi?” 23Kodwa wala uAsayeli. Usuke uAbhinere wabinza ngasemva, wamthi gobho esiswini ngomkhonto, watsho waya kugqobhozela emqolo loo mkhonto. Wajuba wawa uAsayeli, wafela kuloo ndawo. Wonke umntu osondela kuloo ndawo wayefele kuyo uAsayeli, wayefika eme nematha.
24Kwasuka uJowabhi noAbhishayi, bamsukela uAbhinere. Kuthe kwakuhlwa bafika endulini yaseAma ekhangelene neGiya kuloo ndlela ibheka kwinkangala yaseGibheyon. 25Amadoda akwaBhenjamin ahlanganisana, azibandakanya noAbhinere, ema ndawonye phezu kwenduli. 26UAbhinere wamemeza wathi kuJowabhi: “Mfondini, liya kudla kude kube nini na ikrele? Akuqondi na wena ukuba le nto iza kugqibela sekukho intiyo phakathi kwethu, ukanti ningabantakwethu? Nakuyeka nini kodwa ukusukelana nathi?”
27Uphendule ngelithi uJowabhi: “Ekho nje uThixo, inene, ukuba ubungathethanga besiza kunileqa kude kuse.” 28Wavuthela isigodlo sakhe emva koko uJowabhi, exelela amadoda akhe ukuba ayeke ukuwasukela amaSirayeli. Waphela ke njalo umlo.
29UAbhinere namadoda akhe bahamba ubusuku bonke, betyhutyha loo ntili yaseJordan. Bayiwela ngengomso iJordan, sebehambe intsasa yonke, baya kugaleleka eMahanayim.
30Uthe akuwaqokelela amadoda akhe uJowabhi, emva kokusukela amaSirayeli, kwafumaneka kulahleke ishumi elinethoba lamadoda ngaphandle kuka-Asayeli. 31Iqela likaDavide lona labulala amakhulu amathathu namashumi amathandathu kumadoda akwaBhenjamin awayenoAbhinere. 32UJowabhi namadoda akhe bawuthatha umzimba ka-Asayeli, baya kuwungcwabela eBhetelehem kumangcwaba akowabo. Emva koko bahamba ubusuku bonke, bada baya kutsho eHebron xa kumpondo zankomo ngengomso.

Currently Selected:

2 KASAMWELI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy