YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 6

6
UYesu uyiNkosi yesabatha
(UMat. 12:1-8)
1Kwathi ngesabatha ethile, wacanda emasimini; baye abafundi bakhe besikha izikhwebu, bazidla, bezihlikihla ngezandla. 2Bathe ke abathile babaFarisi kubo, Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha?
3Wabaphendula uYesu wathi, Anikhanga nikulese na oko wakwenzayo uDavide, mhlenikweni walambayo, yena nabo babenaye? 4Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwe phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ezo ke kungavumelekileyo ukuba zidliwe bantu, ingengabo ababingeleli bodwa? 5Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.
Ukuphiliswa kowome isandla
(UMat. 12:9-14)
6Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene. 7Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela. 8Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema.
9Uthe ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza into: okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na? 10Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo ke; sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye. 11Basuka ke bona baphambana ngumsindo; babethethana bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu.
Ukunyulwa kwabalishumi elinababini
(UMat. 10:1-4)
12Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ngokuthandaza kuThixo. 13Kwathi kwakusa, wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinababini, awathi kananjalo wabathiya elokuba ngabapostile:• 14uSimon, awamthiya nelokuba nguPetros, noAndreya, umzalwana wakhe; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu; uMateyu noTomas; 15uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon, ekuthiwa ngumZeloti; 16uYuda kaYakobi, noYuda Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.
Intshumayelo yasentabeni
(UMat. 5 – 7)
17Wehla nabo, wema endaweni ethe tyaba, neqela labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaYuda, naseYerusalem, nakulo ilizwe elingaselwandle laseTire neTsidon, ababeza kumva, nokuba baphiliswe kuzo izifo zabo; 18nabò babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa. 19Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.
20Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi,
Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.
21Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa.
Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka.
22Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu. 23Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.
24Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu.
25Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba.
Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile.
26Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.
27Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo. 28Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo. 29Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nóthabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi. 30Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize. 31Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.
32Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni bayabathanda abo babathandayo. 33Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? Ngokuba naboni benza kwaloo nto. 34Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuya nizuze kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze kwangangoko.
35Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo. 36Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba. 37Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa.
38Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
39Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, Ingákhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kuthi na zombini zeyele emhadini? 40Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe.
41Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti ke wona umqadi okwelakho iliso akuwuqiqi? 42Ungáthini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.
43Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kanjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle. 44Kuba umthi wonke waziwa ngesiqhamo sawo; kuba kungàkhiwa makhiwane emithaneni enameva, kanjalo kungàbuthwa diliya equnubeni. 45Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
46Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo? 47Wonke ke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, ndonibonisa lowo afana naye. 48Ufana nomntu owákha indlu, wemba wangxoka isiseko, wasibeka phezu kolwalwa. Kwathi, kwakubakho umkhukula, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa; kuba ibisekwe phezu kolwalwa olo.
49Kodwa lo uwevileyo àkawenza, ufana nomntu owakhé indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwathi ukuwa kwaloo ndlu kwakukhulu.

Currently Selected:

ULUKA 6: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy