YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 7

7
Ukuphiliswa komkhonzi womthetheli-khulu
(UMat. 8:5-13)
1Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum.
2Waye ke umkhonzi womthethelikhulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha. 3Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathuma kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumsindisa umkhonzi wakhe. 4Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Úkufanele oko lowo ùngamenzelayo oko; 5kuba úyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena. 6Wahamba ke uYesu nabo.
Akubon' ukuba ke àkasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungàzikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam; 7kungoko nam ndingàkufanelanga ukuda ndize; thetha ngezwi lodwa, wóphiliswa umkhonzi wam; 8kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.
9Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, waguqukela kwindimbane ebimlandela, wathi, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. 10Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile.
Ukuvuswa konyana womhlolokazi waseNayin
11Kwathi ngomhla olandelayo, waya emzini ekuthiwa yiNayin. Kwaye kuhamba naye iqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu. 12Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye. 13Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila. 14Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Yathi, Ndodana, ndithi kuwe, Vuka. 15Wavuka wahlala umfi lowo, waza ke wathetha. Yamnikela ke kunina.
16Bangenwa ke kukoyika bonke. Babemzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; besithi, Ubavelele uThixo abantu bakhe. 17Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke.
UYohane umbhaptizi uthumela abafundi ababini kuYesu
(UMat. 11:1-19)
18Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto. 19Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na? 20Efikile ke kuye amadoda lawo, athi, UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?
21Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo, wathi iimfama ezininzi wazibabala ukubona. 22Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo. 23Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.
24Ke kaloku, bakubon' ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Nayé niphume naya kubona ntoni na entlango? Yaye iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya? 25Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani. 26Nayé niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye igumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, nóde wagqithisa kumprofeti. 27Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye kwathiwa,
Niyabona, mna ndiyamthuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho,
Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
(UMal. 3:1)
28Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye.
29Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane. 30Ke bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye.
31Ithe ke iNkosi, Ndiya kubafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana? 32Bafana nantoni na? Bafana nabantwana abahleli endaweni yembutho, bekhwazana besithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina analila. 33Kuba uzile uYohane umbhaptizi engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Únedemon. 34Uzile uNyana woMntu esidla, esela; nithi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu nowaboni! 35Noko ke ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo bonke.
Umfazi ongumoni uthambisa iinyawo zikaYesu
36Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wangqengqa. 37Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni; wathi, àkwazi ukuba uhleli endlwini yomFarisi, wazisa ihlala lelabhastile,• linamafutha aqholiweyo. 38Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo.
39Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni.
40Waphendula uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. (Athi ke yena, Thetha, Mfundisi.) 41Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo• ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu. 42Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi na kubo oya kumthanda ngokungaphezulu? 43Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Wahlulé walungisa.
44Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Ùyambona na lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe. 45Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam. 46Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. 47Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ngokuba úthandé kakhulu; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane. 48Wathi ke kuye, Zixolelwe izono zakho.
49Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo uxolela nezono? 50Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo.

Currently Selected:

ULUKA 7: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy