YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 3

3
Udaba lukaYohane umbhaptizi
(UMat. 3:1-12)
1Ke kaloku, ngomnyaka weshumi elinantlanu wokulawula kukaTibheriyo Kesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli kwelakwaYuda, inguHerode umphathi wesahlulo sesiné esilelaseGalili, inguFilipu ke umzalwana wakhe umphathi wesahlulo sesiné esilelaseYitureya nelizwe leTrakoniti, inguLisaniyo umphathi wesahlulo sesiné esilelaseAbhilene, 2ngexa lababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZekariya, entlango.
3Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono; 4njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi,
Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,
Yilungiseni indlela yeNkosi,
Wutyenenezeni umendo wayo.
5Yonke imifula iya kudityelelwa,
Nazo zonke iintaba neenduli ziya kuthotywa,
Neendawo ezigoso ziya kuthi tye,
Nezibugqagala ziya kuba ziindlela ezigudileyo;
6Bonke abantu baya kulubona usindiso lukaThixo.
(UIsaya 40:3-5)
7Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? 8Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham: kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. 9Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko umthi wonke ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
10Zaye izihlwele zibuza kuye, zisithi, Masenze ntoni na ke? 11Waphendula ke wathi kubo, Lowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makabele ongenáyo: nalowo unokudla, makenjenjalo.
12Kweza ke nababuthi berhafu ukuba babhaptizwe, bathi kuye, Mfundisi, masenze ntoni na? 13Wathi ke kubo, Ningabizi okungaphezu kwenikumiselweyo.
14Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kuwo, Ningaphangi mntu ngokumoyikisa, nìngadli mntu ngokumtyhola; yanelani yimivuzo yenu.
15Ke kaloku, bakubon' ukuba abantu balindile, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKristu,• 16waphendula uYohane kubo bonke esithi, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe; uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena; 17omnyazi wokwela usesandleni sakhe. Uya kusicokisa kuthi tu isandá sakhe, ayibuthele kuvimba wakhe ingqolowa; ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.
18Waye ke ngoko evuselela nangezinye izinto ezininzi, eshumayela iindaba ezilungileyo ebantwini.
19Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, óhlwayiwe nguye ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umninawa wakhe, nangenxa yezinto zonke ezingendawo abezenzile uHerode, wongezelela nalé kuzo zonke, 20yokuba amvalele entolongweni uYohane.
Ukubhaptizwa kukaYesu
(UMat. 3:13-17)
21Ke kaloku kwathi, ekubeni bebhaptiziwe abantu bonke, ebhaptiziwe naye uYesu, ethandaza nokuthandaza, lasuka lavuleka izulu, 22wehla phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele, enembonakalo yomzimba onjengehobe. Kweza nezwi eliphuma ezulwini lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguwe.
Umlibo wokuzalwa kukaYesu
(UMat. 1:1-17)
23 Waye uYesu eminyaka ngathi imashumi mathathu ezelwe, ukuqala kwakhe ukufundisa, engobe kusithiwa ngunyana kaYosefu, 24kaHeli, kaMatati, kaLevi, kaMeleki, kaYana, kaYosefu, kaMatatiya, ka-Amos, kaNahum, 25kaEsli, kaNagayi, kaMahati, 26kaMatatiya, kaShimehi, kaYosefu, kaYuda, 27kaYohanan, kaResha, kaZerubhabheli, kaShalatiyeli, kaNeri, kaMeleki, ka-Adi, 28kaKosam, kaElmodam, kaEre, kaYose, kaEliyezere, 29kaYoram, kaMatati, kaLevi, kaSimon, kaYuda, kaYosefu, 30kaYonan, kaEliyakim, kaMaleya, kaMina, 31kaMatata, kaNatan, kaDavide, 32kaYese, kaObhede, kaBhohazi, kaSalemon kaNashon, 33ka-Aminadabhi, ka-Aram, kaHetseron, kaPeretse, kaYuda, 34kaYakobi, kaIsake, ka-Abraham, kaTera, kaNahore, kaSerugi, 35kaRehu, kaPelege, kaHebhere, kaShela, 36kaKenan, ka-Arpakishadi, kaShem, kaNowa, 37kaLameki, kaMetusela, kaEnoki, kaYerede, kaMahalaleli, kaKenan, 38kaEnos, kaSete, ka-Adam, kaThixo.

Currently Selected:

ULUKA 3: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy