YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 4

4
Ukuhendwa kukaYesu
(UMat. 4:1-11)
1Ke kaloku, wathi uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango. 2Wantsuku zimashumi mané ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba.
3Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka. 4UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo.
5UMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha. 6Wathi ke uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona. 7Ukuba ngoko uthe wena waqubuda phambi kwam, konke oko koba kokwakho. 8UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.
9Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya. 10Kuba kubhaliwe kwathiwa,
Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine;
11 kwathiwa,
Ziya kukufukula ngezandla,
Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho.
(INdum. 91:11,12)
12Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.
(IDut. 6:16)
13Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu.
UYesu eNazarete
14Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke. 15Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.
16Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese. 17Wanikelwa incwadi kaIsaya umprofeti, wathi, akuba eyitwabulule incwadi leyo, wafumana indawo le kubhalwe kuyo kwathiwa,
18UMoya weNkosi uphezu kwam,
Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu.
Indithumé ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa,
Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama,
Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,
19Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.
(UIsaya 61:1-2)
20Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye. 21Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu. 22Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu?
23Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuvé kwenzeké eKapernahum, kwénze nakowenu apha. 24Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo. 25Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe; 26kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela. 27Kanjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela.
28Bazala ngumsindo bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezo zinto. 29Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni. 30Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka.
Ukuphiliswa kobenedemon engcolileyo eKapernahum
(UMarko 1:21-28)
31Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha. 32Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.
33Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo; 34wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo. 35Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga.
36Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume? 37Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla.
Ukuphiliswa komkhwekazi kaSimon nabanye abaninzi
(UMat. 8:14-17)
38Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye. 39Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela.
40Kuthe ke bakubon' ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazìsa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa. 41Zaye ke needemon ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu,• uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; ngokuba bezimazi ukuba unguye uKristu.
42Kwakusa, waphuma waya endaweni eyintlango; zaye izihlwele zimfuna, zada zaza kufika kuye; zazimbambezela ukuba angemki kuzo. 43Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko.
44Waye ezivakalisa ke ezindlwini zesikhungu zelaseGalili.

Currently Selected:

ULUKA 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy