YouVersion Logo
Search Icon

ILEVITIKUS 10

10
Isono sikaNadabhi noAbhihu nokufa kwabo
1Ke kaloku oonyana baka-Aaron abangooNadabhi noAbhihu bathabatha elowo ugcedevu lwakhe, babeka umlilo kulo, babeka phezu kwawo isiqhumiso, basondeza phambi koYehova umlilo ongesesikweni, abengabawiselanga mthetho ngawo. 2Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, wabadla; bafa phambi koYehova. 3Wathi uMoses kuAron, Yilaa nto wayithethayo uYehova, wathi, Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizizukise ebusweni babantu bonke; wathi cwaka uAron.
4UMoses wabiza uMishayeli noElitsafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo, Sondelani nibathwale abazalwana benu, nibasuse phambi kwengcwele, nibasé ngaphandle kweminquba. 5Basondela ke, babathwalela ngaphandle kweminquba, beneengubo zabo zangaphantsi, njengoko watshoyo uMoses. 6Wathi uMoses kuAron, nakuElazare, nakuItamare, oonyana bakhe, Musani ukuziyeka ziyakazele iinwele zenu, ningazikrazuli iingubo zenu, ukuze ningafi, nokuze umsindo ungalifikeli ibandla lonke; abazalwana benu, yonke indlu kaSirayeli, bangákulilela bona ukutshisa akutshisileyo uYehova. 7Ize ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana, hleze nife; kuba ioli yokuthambisa kaYehova iphezu kwenu. Benza ke ngokwelizwi likaMoses.
8Wathetha uYehova kuAron, esithi, 9Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo; 10ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlambelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo; 11nokuze bayalwe oonyana bakaSirayeli ngemimiselo yonke awayithethayo uYehova kubo ngoMoses.
12Wathetha uMoses kuAron, nakuElazare nakuItamare, oonyana bakhe abaselayo, wathi, Thabathani umnikelo wokudla oseleyo ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, niwudle ungenagwele ecaleni lesibingelelo; kuba uyingcwele kangcwele lowo. 13Nize niwudle endaweni engcwele, kuba úmiselwe wena, úmiselwe oonyana bakho, ekudleni kwasemlilweni kukaYehova; kuba ndiwiselwe umthetho ngokunjalo.
14Ke incum yomtshangatshangiso nomlenze womrhumo, ezo nto nozidla endaweni emhlophe, wena noonyana bakho neentombi zakho kunye nawe; kuba zimiselwe wena, zimiselwe oonyana bakho; zenizinikiweyo emibingelelweni yoxolo yoonyana bakaSirayeli. 15Umlenze womrhumo nencum yomtshangatshangiso yoziswa nokudla kwasemlilweni kwamanqatha, ukuba itshangatshangiswe ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ibe ngowakho noonyana bakho kunye nawe; ibe ngummiselo ongunaphakade, njengoko uYehova wawisayo umthetho.
16Ibhokhwe yedini lesono wayifuna kunene uMoses. Yini? Itshisiwe. Waba noburhalarhume ngakuElazare noItamare, oonyana baka-Aaron abaseleyo, esithi, 17Kutheni na le nto ningalidlanga idini lesono endaweni engcwele? Kuba liyingcwele kangcwele; uniniké lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla, ukuze nilicamagushele phambi koYehova. 18Yabonani, alingeniswanga igazi lalo engcweleni phakathi; ninge nilidlile okunene engcweleni, njengoko ndawisa umthetho. 19Wathetha uAron kuMoses, esithi, Yabona, namhlanje basondeze idini labo lesono, nedini labo elinyukayo phambi koYehova; ndahlelwa zezi zinto. Ukuba bendilidlile idini lesono namhla, bekuya kulunga yini na emehlweni kaYehova? 20Weva uMoses; kwalunga emehlweni akhe.

Currently Selected:

ILEVITIKUS 10: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy