YouVersion Logo
Search Icon

ILEVITIKUS 9

9
Ukugosiswa kuka-Aron noonyana bakhe babe ngababingeleli
1Kwathi ngomhla wesibhozo, uMoses wabiza uAron noonyana bakhe, namodada amakhulu akwaSirayeli. 2Wathi kuAron, Zithabathele ithole, inkonyana yenkomo, ibe lidini lesono, nenkunzi yemvu ibe lidini elinyukayo, ezo zinto zigqibelele, uzisondeze phambi koYehova; 3uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Thabathani inkunzi exhonti yebhokhwe, ibe lidini lesono; nethole nemvana ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, zibe lidini elinyukayo; 4nenkomo nenkunzi yemvu, zibe ngumbingelelo woxolo wokubingelelwa phambi koYehova; nomnikelo wokudla ogalelwe ioli: ngokuba namhla uYehova uya kubonakala kuni.
5Bakuthabatha oko uMoses wawisa umthetho ngako, bakuzisa phambi kwentente yokuhlangana; lasondela lonke ibandla, lema phambi koYehova. 6Wathi uMoses, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo ukuba nilenze: bobonakala ke ubuqaqawuli bukaYehova kuni. 7Wathi uMoses kuAron, Sondela esibingelelweni, wenze idini lakho lesono, nedini lakho elinyukayo, uzicamagushele okwakho nokwabantu; wenze umsondezo wabantu, ubacamagushele, njengoko uYehova wawisayo umthetho.
8Wasondela ke uAron esibingelelweni, walixhela ithole ledini lesono elilelakhe. 9Balisondeza oonyana baka-Aron igazi kuye, wawuthi nkxu umnwe wakhe egazini, walidyobha ezimpondweni zesibingelelo, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo. 10Ke inqatha, nezintso, nomhlehlo osesibindini, edinini lesono, waqhumisela ngezo zinto esibingelelweni, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses. 11Ke inyama nesikhumba wazitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba.
12Walixhela idini elinyukayo, oonyana baka-Aron balizisa kuye igazi; walitshiza wajikelezisa esibingelelweni. 13Balizisa kuye nedini elinyukayo ngeenyama zalo, nentloko yalo; waqhumisela ngezo nto esibingelelweni. 14Wazihlamba izibilini neentungo, waqhumisela ngezo zinto phezu kwedini elinyukayo esibingelelweni.
15Wasondeza umsondezo wabantu, wathabatha ibhokhwe yedini lesono eyeyabantu, wayixhela, wenza idini lesono njengelokuqala. 16Wasondeza nedini elinyukayo, walenza ngokwesiko. 17Wawusondeza umnikelo wokudla, wazalisa isandla sakhe ngawo, waqhumisela ngawo esibingelelweni, ngaphezu kwedini elinyukayo lakusasa.
18Wayixhela inkomo nenkunzi yemvu yombingelelo woxolo ongowabantu, balizisa oonyana baka-Aron igazi kuye, walitshiza, wajikelezisa esibingelelweni; 19namanqatha enkomo nawenkunzi yemvu, nomsila wayo, nomhlehlo, nezintso, nomhlehlo wesibindi. 20Bawabeka loo manqatha phezu kwazo iincum, waqhumisela ngamanqatha esibingelelweni. 21Ke iincum ezo, nomlenze lowo wasekunene, wazitshangatshangisa uAron zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova, njengoko wamwiselayo umthetho uMoses.
22UAron waziphakamisela ebantwini izandla zakhe, wabasikelela; wehla ke ekulenzeni idini lesono, nedini elinyukayo, nombingelelo woxolo.
23Bangena ooMoses noAron ententeni yokuhlangana; baphuma ke babasikelela abantu: babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo bonke abantu. 24Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, walidla idini elinyukayo, namanqatha aphezu kwesibingelelo; babona bonke abantu, baduma, bawa ngobuso.

Currently Selected:

ILEVITIKUS 9: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy