YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 48

48
Isiprofeto sokuchasa uMowabhi
1Ngokusingisele kwelakwaMowabhi, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi:
Yeha iNebho, ngokuba ibhuqiwe. Ihlazisiwe, ithinjiwe iKiriyatayim; ihlazekile, iqhiphuke umbilini ingxonde leyo. 2Iqhayiya lakwaMowabhi alisekho; eHeshbhon bacebe ububi ngaye, bathi, Yizani simnqumle, angabi luhlanga. Nawe, Mademena, uya kudaka; ikrele liya kukulandela.
3Phulaphulani ukukhala eHoronayim! Yimbuqo nokwaphuka okukhulu! 4UMowabhi waphukile, iimbedlenge zakhe zivakala zikhala. 5Ngokuba ekunyukeni eqhineni laseLuhoti, baya kulila, balile; ngokuba ekuhlèni eHoronayim ababandezelwa baya kuvakala bekhaliswa kukwaphulwa.
6Sabani, sizani imiphefumlo yenu, yibani njengoze entlango. 7Ngenxa enokuba ùkholose ngezenzo zakho nangobuncwane bakho, nawe uya kuthinjwa, aphume afuduswe uKemoshe,• ababingeleli bakhe nabathetheli bakhe kunye. 8Úya kufika umbhuqi emizini yonke, kungasindi mzi, idake intili, litshabalale ihewu, njengoko watshoyo uYehova. 9Mnikeni amaphiko uMowabhi; ngokuba wóphuma ebaleka, imizi yakhe ibe ngamanxuwa, ingemiwa. 10Makaqalekiswe owenza umsebenzi kaYehova ngokudangala, aqalekiswe onqanda ikrele lakhe egazini.
11Wonwaba uMowabhi kwasebuncinaneni bakhe, wee tywa phezu kweentsipho zakhe; akakhutshelwanga kwesinye isitya, akahambanga efuduswa; ngenxa yoko isongo sakhe sihleli kuye, nevumba lakhe aliguqukanga. 12Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuthumela abathululi kuye, bamthulule, bazikhuphele izitya zakhe, bayiqhekeze imiphanda yakhe. 13Úya kudana uMowabhi nguKemoshe, njengoko yadanayo indlu kaSirayeli yiBheteli, inkoloseko yayo.
14Ningáthini na ukuthi, Singamagorha, singamadoda anobukroti emfazweni? 15Úyabhuqwa uMowabhi, imizi yakhe iyenyukwa, amadodana akhe anyuliweyo athobela ekusikweni; utsho uKumkani ogama lakhe linguYehova wemikhosi. 16Kusondele, kuza kufika, ukusindeka kukaMowabhi; ububi bakhe buyangxama kakhulu. 17Hlunguzelani iintloko ngaye, nonke nina ningeenxa zonke kuye, nonke nina nilaziyo igama lakhe. Yithini, Yoo! Itheni na ukwaphuka intonga yonamandla, uluthi lokuhomba.
18Yihla eluzukweni, uhlale phantsi kwelinenxano, mmi, ntombi yaseDibhon; ngokuba umbhuqi kaMowabhi unyuke weza kuwe, úzonakalisile iinqaba zakho. 19Yima ngasendleleni, ubonisele, mmi waseArohere; buza kwindoda esabileyo nakwintokazi esindileyo; yithi, Kukho ntoni na? 20UMowabhi uhlazekile, ngokuba uqhiphuke umbilini; bhombolozani nikhale; xelani eArnon, nithi, Ubhuqiwe uMowabhi. 21Umgwebo ulifikele ilizwe lehewu, iHolon neYatsa neMefahati; 22neDibhon, neNebho, neBhete-dibhelatayim; 23neKiriyatayim, neBhete-gamuli, neBhetemehon; 24neKeriyoti, neBhotsera, nemizi yonke yelizwe lakwaMowabhi, ekude kwanekufuphi.
25Luxakaxiwe uphondo lukaMowabhi, ingalo yakhe yaphulwe; utsho uYehova. 26Mnxiliseni, ngokuba ezikhulisile kuYehova; akhahlelèke uMowabhi emhlanzweni wakhe, abe yintlekisa naye. 27Wayengeyintlekisa na kuwe uSirayeli? Wayefunyenwe phakathi kwamasela, kusini na, ukuba ùhlunguzele intloko, xa sukuba ubuthetha ngaye?
28Shiyani imizi, nihlale ezingxondorheni, bemi bakwaMowabhi, nibe njengevukuthu elakhela phesheya, eludinini lomwonyo. 29Silivile ikratshi likaMowabhi. Asikuko nokuba likratshi: ukuzidla kwakhe, ikratshi lakhe, ukukratsha kwakhe, nokuphakama kwentliziyo yakhe. 30Mna ndiyakwazi ukuphuphuma komsindo wakhe, nokuphololoza kwakhe into engeyiyo; utsho uYehova; benza into engekhoyo. 31Ngako oko ndiyabhomboloza ngenxa kaMowabhi, ndikhale ngenxa kaMowabhi wonke ephela; bayancwina ngenxa yamadoda aseKir-heres. 32Ngaphezu kokulila kweYazere ndiya kulìlela wena, mdiliya waseSibhema, omasebe awela ulwandle, ada aya kufika elwandle lwaseYazere; ekuvunweni kweziqhamo nasekuvunweni kweediliya zakho kugaleleke umbhuqi. 33Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo, naselizweni lakwaMowabhi; ndiyiphelisile iwayini emkhombeni; àbayi kuxovula benamayeyeye; amayeyeye abo aya kuba ngamayeyeye angelutho. 34Ukukhala eHeshbhon kuse e-Elale, kuse eYahazi; balikhuphile izwi labo, kuthabathele eTsohare kwesa eHoronayim, nase-Egelati yesithathu; ngokuba kwanamanzi aseNimrim aya kuthi qoko. 35Ndiya kumphelisa kwaMowabhi, utsho uYehova, onyuka isigànga ukuba aqhumisele koothixo bakhe. 36Ngako oko intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa kaMowabhi; intliziyo yam iyalila njengogwali ngenxa yamadoda aseKir-heres; ngako oko indyebo ababeyizuzile itshabalele.
37Kuba zonke iintloko zigugulwe, zonke iindevu zichetyiwe; ezandleni zonke ziintlanga, ezinqeni ziingubo ezirhwexayo. 38Phezu kwezindlu zonke zakwaMowabhi nasezitratweni zakhe kukumbambazela kodwa; ngokuba ndimaphule uMowabhi njengesitya esingananziweyo; utsho uYehova. 39Bayabhomboloza; hayi, ukuqhiphuka kwakhe umbilini! Hayi, ukunikela kukaMowabhi ikhosi kukudana! Úyintlekisa, uyoyikwa ngabo bonke abangeenxa zonke kuye.
40Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Uyabona, utshaba luyatshwebeleza njengexhalanga, lolule amaphiko alo phezu koMowabhi. 41Ithinjiwe iKeriyoti, zihluthiwe iimboniselo. Ngaloo mini intliziyo yamagorha akwaMowabhi iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba; atshabalale uMowabhi, 42angabi ngabantu, ngokuba ebezikhulisile kuYehova. 43Ùfikelwe lunkwantyo, nomgongxo, nesibatha, mmi wakwaMowabhi; utsho uYehova. 44Osaba unkwantyo uya kweyela emgongxweni; ophuma emgongxweni uya kubanjiswa sisibatha; ngokuba ndiya kumzisela yena uMowabhi umnyaka wokuvelelwa kwakhe; utsho uYehova. 45Phantsi komthunzi weHeshbhon kuya kuma abasabi abangenamandla; ngokuba kuya kuphuma umlilo eHeshbhon, nelangatye phakathi kwaSihon, udle ummandla wakwaMowabhi nokakayi lwabengxolo. 46Yeha, wena Mowabhi! Batshabalele abantu bakaKemoshe, ngokuba, oonyana bakho baya kuthatyathwa bethinjiwe, neentombi zakho zisiwe ekuthinjweni.
47Ke ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kukaMowabhi ekupheleni kwemihla; utsho uYehova.
Uzé wafika apha umgwebo wakwaMowabhi.

Currently Selected:

UYEREMIYA 48: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy