YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 49

49
Isiprofeto sokuchasa uAmon
1Ngokusingisele koonyana baka-Amon, utsho uYehova ukuthi:
USirayeli akananyana na, akanandlalifa na? Yini na ukuba ukumkani wabo amdle ilifa uGadi, abantu babo beme emizini yakhe? 2Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuhlaba umkhosi wemfazwe kwiRabha yoonyana baka-Amon, ibe ngumwewe wenxuwa, amagxamesi ayo atshiswe ngomlilo, uSirayeli abadle ilifa ababemdle ilifa; utsho uYehova.
3Bhomboloza, Heshbhon, ngokuba ibhuqiwe iAyi; khalani, magxamesi aseRabha, bhinqani ezirhwexayo; mbambazelani niququzele kunye ezintangweni; ngokuba ukumkani wayo uya kuthinjwa, kunye nababingeleli bakhe nabathetheli bakhe. 4Ùqhayiselani na ngazo iintili? Intili yakho ichumile, ntombi iliphamba, yakholosayo ngobuncwane bayo, isithi, Ndiya kuzelwa ngubani na? 5Yabona, ndiya kukuzisela unkwantyo, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, luphuma kwabangeenxa zonke kuwe; nigxòthwe, elowo angabheki nokubheka, kungabikho ungàbabuthayo abaphalaphalayo. 6Emveni koko ndiya kukubuyisa ukuthinjwa koonyana baka-Amon; utsho uYehova.
Isiprofeto sokuchasa uEdom
7Ngokusingisele kuEdom, utsho uYehova wemikhosi ukuthi:
Akusekho bulumko na kwaTeman? Liphelile na icebo kwiingqondi? Buphalele na ubulumko bazo? 8Sabani, jikani, hlalani enkolontyweni, bemi bakwaDedan; ngokuba ukusindeka kwakhe uEsawu ndimzisele, ixesha lokumvelela kwam. 9Ukuba abavuni beediliya bakufikele, abayi kushiya lubhikico; ukuba amasela eza ebusuku, aya konakalisa ade anele.
10Ngokuba mna ndimhlubile uEsawu, ndizityhilile iindawo zakhe ezisitheleyo, angabi nako ukuzímela. Imbewu yakhe iya kubhuqwa, abazalwana bakhe nabamelwane bakhe àbakho. 11Shiya iinkedama zakho; ndiya kuziphilisa, bakholòse ngam abahlolokazi bakho.
12Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ababengenalungelo lakuyisela indebe, inene baya kuyisela; wena ke ùngoya kuba msulwa, ube msulwa na? Akuyi kuba msulwa, ngokuba inene uya kusela. 13Ngokuba ndizifungile mna, utsho uYehova, ndathi, IBhotsera iya kuba ngummangaliso, nesingcikivo, nenxuwa, nentshabhiso; nemizi yayo yonke ibe ngamanxuwa angunaphakade.
14Ndivé udaba luphuma kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Zihlanganiseni, nimfikele, nisuke nilwe. 15Ngokuba, uyabona, ndikwenzé wamncinane ezintlangeni, wadeleka phakathi kwezizwe. 16Ukududuzelisa kwakho kukulukuhlile, ukukhukhumala kwentliziyo yakho, wena uhleli ezimfanteni zengxondorha, wena ubambe intlomo yenduli. Ngokuba ùthe wayakhela phezulu njengexhalanga indlu yakho, ndokuthoba apho; utsho uYehova.
17Úya kuba ngummangaliso uEdom; bonke abadlula kuye baya kumangaliswa, benze umsondlo, ngenxa yokubethwa kwakhe konke. 18Njengoko kwaba njalo ekubhukuqekeni kweSodom neGomora nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala mntu khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona. 19Yabona, utshaba luya kunyuka njengengonyama ephuma ekweneni kweYordan, luye ekhayani eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo; osukuba enyuliwe, ndimenzele umveleli; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam? 20Ngako oko yivani icebo likaYehova, alicebileyo ngoEdom, neengcinga zakhe, azicingileyo ngabemi bakwaTeman; inene, baya kuzikrwiqiliza ezincinane zomhlambi; inene, liya kumangaliswa zizo ikriwa lazo.
21Ihlabathi liyanyikima sisithonga sokuwa kwabo; isandi sokukhala kwabo sivakala eLwandle oluBomvu.• 22Yabona, utshaba luyanyuka njengexhalanga, lutshwebeleza, luwolule amaphiko alo phezu kweBhotsera; intliziyo yamagorha ekwaEdom ngaloo mini iya kuba njengentliziyo yomfazi onenimba.
Isiprofeto sokuchasa iDamasko
23Ngokusingisele kwiDamasko:
Ihlazekile iHamati neArpadi; ngokuba kuviwe iindaba ezimbi; bancamile; njengaselwandle, banesithukuthezi, abanako ukuzola. 24IDamasko ithe dakumba, ijikile yasaba; ifikelwe kukothuka, ibanjwe yimbandezelo nayinimba njengozalayo. 25Hayi, ukushiywa komzi wendumiso, umzi wemihlali yam! 26Ngako oko aya kuwa amadodana ayo ezitratweni zawo, amadoda onke okulwa athi shwaka ngaloo mini; utsho uYehova wemikhosi. 27Ndiya kuphemba umlilo eludongeni lweDamasko, udle iingxande ezinde zikaBhen-hadade.
Isiprofeto sokuchasa ezinye izizwe ezahlukahlukeneyo
28Ngokusingisele kumaKedare, nakwizikumkani zaseHatsore, awazibulalayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utsho uYehova ukuthi:
Sukani nime, nyukani niye kumaKedare, nibabhuqe abasempumalanga. 29Iintente zabo nemihlambi yabo boyithabatha; namalengalenga abo, neempahla zabo zonke, neenkamela zabo, bozisusa zibe zezabo; bamemeze kubo, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke. 30Sabani, balekani kakhulu, hlalani enkolontyweni, bemi baseHatsore, utsho uYehova; ngokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ecebe icebo ngani, wacinga ingcinga ngani.
31Sukani nime, nyukani niye kuhlanga oluchulumachileyo, oluhleli lukholosile, utsho uYehova; uhlanga olungenazingcango namivalo, oluhleli lodwa. 32Iinkamela zabo maziphangwe, ingxokolo yemfuyo yabo ibe ngamaxhoba, ndibachithachithe kwimimoya yonke onquthula-iinwele, ndibazisele ukusindeka, kuphuma kumacala onke; utsho uYehova. 33IHatsore iya kuba sisikhundla seempungutye, kube senkangala kude kuse ephakadeni. Akuyi kuhlala bani khona, kungaphambukeli nyana womntu khona.
34Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kwelakwaElam ekuqaleni kobukumkani bukaZedekiya ukumkani wakwaYuda, yayisithi:
35Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiyasaphula isaphetha sakwaElam, intlahlela yobugorha babo; 36ndiya kulizisela elakwaElam imimoya eminé ephuma eziphelweni eziné zezulu, ndibachithachithe kuloo mimoya yonke, kungabikho luhlanga bangayi kufika kulo abaziindlodlo zakwaElam. 37Ndomqhiphukisa umbilini uElam phambi kweentshaba zakhe, naphambi kwabafuna imiphefumlo yabo; ndibazisele ububi, ukuvutha komsindo wam; utsho uYehova. Ndothuma emva kwabo ikrele, ndide ndibagqibe, 38Ndiya kumisa itrone yam kwaElam, ndimtshabalalise khona ukumkani nabathetheli; utsho uYehova.
39Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla, ndikubuyise ukuthinjwa kukaElam; utsho uYehova.

Currently Selected:

UYEREMIYA 49: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy