YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 15

15
1Wathi ke uYehova kum, Kungafanelana kumi ooMoses noSamuweli phambi kwam, umphefumlo wam ubungebheki kwaba bantu. Bágxothe ebusweni bam, baphume. 2Kuya kuthi, xa bathe kuwe, Siphùme siye ngaphi na? uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Abokufa bafe; abekrele babe ngabekrele; abendlala babe ngabendlala; abokuthinjwa bathinjwe. 3Ndobavelela ngeentlobo eziné, utsho uYehova: ikrele, ukuba libulale; izinja, ukuba zirhwiqilize; iintaka zezulu nezilo zomhlaba, ukuba zidle, ukuba zonakalise. 4Ndobanikela kwizikumkani zonke zehlabathi ukuba babe yinto yokunqakulwa, ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.
5Ewe, ngubani na oya kuba nofefe kuwe, Yerusalem? ngubani na oya kukukhuza? ngubani na oya kuphambuka, abuze ukuphila kwakho? 6Wena ùndilahlile, utsho uYehova, ùbùye umva; ndiya kusolula isandla sam ngakuwe, ndikonakalise; ndidiniwe kukuzohlwaya. 7Ndiyabachithachitha ngexhayi emasangweni elizwe, ndibahluthe abantwana abantu bam, ndibatshabalalise, bengabuyi nje ezindleleni zabo. 8Abahlolokazi babo baziimfidi kum kunentlabathi yolwandle; ndizisa kubo phezu konina wamadodana umbhuqi emini enkulu; ndibawisela ngesiquphe inimba nokukhwankqiswa. 9Úyantshwenya ozele abasixhenxe, uphuma umphefumlo; liyatshona ilanga lakhe kusesemini; udanile, uneentloni; namasalela abo ndiwanikela ekreleni phambi kweentshaba zabo; utsho uYehova.
Intlungu yomprofeti nentuthuzelo yakhe
10Athi ke mna, ma, ukuba uzale umna, umntu wembambano, umntu wengxabano nehlabathi lonke! Andibolekanga, andabolekwa; kanti bonke bephela bayanditshabhisa. 11UYehova uthi, Inyaniso, ndiya kukuqinisela wena kokulungileyo; inyaniso, utshaba ndiya kulubongozisa kuwe, ngexesha lobubi nangexesha lembandezelo. 12Sikha saphuke na isinyithi, isinyithi sasentla, nobhedu?
13Ubutyebi bakho nobuncwane bakho ndobunikela ukuba bube lixhoba, kungengaxabiso, ngenxa yezono zakho zonke, nasemideni yakho yonke; 14ndíbuweze neentshaba zakho, ndibuye ezweni ongalaziyo; ngokuba kuphenjwé umlilo ngomsindo wam, uvutha phezu kwenu.
15Wena, Yehova, uyazi, Ndíkhumbule, undivelele, undiphindezelele kubasukeli bam; ekuzekeni kade komsindo wakho ungàndikhukulisi; yazi ukuba ndithwele ihlazo ngenxa yakho. 16Afumaneka amazwi akho, ndawadla; amazwi akho kum àba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam, ngokuba ndabizwa ngegama lakho, Yehova, Thixo wemikhosi. 17Andihlalanga embuthweni yabahleki, andidlamkanga nokudlamka; ngenxa yesandla sakho ndahlala ndedwa; ngokuba undizalisile ngokubhavuma. 18Yini na ukuba umvandedwa wam uhlale uhleli, nenxeba lam libulale, lingavumi ukuphola? Wòhla ube ngumlambo okholisayo na kum, omanzi angahlaliyo na?
19Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Ukuba uthe wabuya, ndokubuyisa, ubuye ume phambi kwam; ukuba uthe wakhupha okunqabileyo kokungení, woba njengomlomo wam; abo baya kubuyela kuwe; ke wena akuyi kubuyela kubo. 20Ndiya kukwenza udonga lobhedu olunqatyisiweyo kwaba bantu, balwe nawe, bangabi nakukuthini; ngokuba ndinawe, ukuze ndikusindise mna, ndikuhlangule; utsho uYehova. 21Ndiya kukuhlangula esandleni sabangendawo, ndikukhulule ekubambeni kwabangcangcazelisayo.

Currently Selected:

UYEREMIYA 15: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy