YouVersion Logo
Search Icon

INGOMA YAZO IINGOMA 2

2
Ukuthandana nokuncomana ngothando
1Ndingumfiyo waseSharon,
Ndiyinyibiba yasezintlangeni.
2Njengenyibiba phakathi kweminga,
Únjalo uwethu phakathi kweentombi.
3Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi,
Injalo intánda yam phakathi koonyana.
Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo,
Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.
4Indingenisé endlwini yewayini,
Nebhanile• yayo phezu kwam luthando.
5Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi,
Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.
6Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam;
Esokunene siyandiwola.
7Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa
Amabhadikazi namaxhamakazi asendle,
Ukuba ningàluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando,
Lude luthande.
8Phulaphulani! Intánda yam, nantso isiza,
Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.
9Intánda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama.
Nantso imi emva kodonga lwakokwethu,
Ithe nzo ngeefestile,
Inyondla ngekroba.
10Intánda yam yasusela, yathi kum,
Suk' ume, wethu, nzwakazi yam, uze;
11Ngokuba uyabona, ubusika budlule,
Imvula igqithile yemka;
12Iintyantyambo zibonakele ezweni;
Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile;
Izwi lehobe livakele ezweni lethu;
13Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo,
Imidiliya ityatyambile,
Itsho ngevumba elimnandi.
Suk' ume, wethu, nzwakazi yam, uze.
14Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba,
Ndíbonise ubuso bakho, ndívise ilizwi lakho;
Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha.
15Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya;
Izidiliya zethu zityatyambile.
16Intánda yam yeyam, mna ke ndingowayo;
Yalusela ezinyibibeni.
17Ide iphole imini, oluke amathunzi,
Jika, ntánda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama,
Ezintabeni ezibugqagala.

Currently Selected:

INGOMA YAZO IINGOMA 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy