YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 147

147
Umbongo wamandla kaThixo nobubele bakhe kuSirayeli
1Haleluya!
Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu;
Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso.
2Umakhi weYerusalem nguYehova;
Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona.
3Ulophilisa abaphuke intliziyo,
Abophe amanxeba abo;
4Ulobala inani leenkwenkwezi,
Ezibiza zonke ngamagama.
5Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu;
Ingqondo yayo ayiphele ndawo.
6Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova,
Uthobela abangendawo emhlabeni.
7Hlabelani kuYehova eyokubulela,
Mbetheleni uhadi uThixo wethu.
8Ulosibekelisa izulu ngamafu,
Ulolungisela umhlaba imvula;
Ulontshulisa utyani ezintabeni;
9Ulonika inkomo ukudla,
Namathole ehlungulu alilayo.
10Akabunanze nganto ubugorha behashe,
Akakholiswa zizitho zendoda;
11UYehova ukholiswa ngabamoyikayo,
Abalindé inceba yakhe.
12Mncome uYehova, Yerusalem.
Mdumise uThixo wakho, Ziyon:
13Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho,
Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.
14Ngulomisa uxolo emideni yakho,
Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo.
15Ulothumela intetho yakhe ehlabathini,
Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;
16Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu,
Ugcwayela iqabaka njengothuthu,
17Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza;
Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?
18Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise;
Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi.
19Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe,
USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe.
20Àkenjanga ngalo kolunye uhlanga,
Namasiko àluwazi.
Haleluya!

Currently Selected:

IINDUMISO 147: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy